1Kwathi, akuba engene ngesabatha endlwini yomnye wakubaphathi babaFarisi, ukuba adle isonka, bahlala bemlalele bona.2Kwabonakala kukho phambi kwakhe mntu uthile unegalimoya.3Waphendula uYesu wathetha kubo abaqondisi-mthetho nabaFarisi, esithi, Kuvumelekile na ukuphilisa ngesabatha? Bathi quthu ke bona.4Wamthabatha, wamphilisa, wamndulula.5Wabaphendula wathi, Lelikabani na kuni apha iesile, nokuba yinkomo, eya kweyela equleni, aze angayirholi kwaoko ngomhla wesabatha?6Bakhohlwa ukumphendula kwezo zinto.7Ke kaloku wathetha umzekeliso kwababemenyiwe, akugqala ukunyula kwabo izilili zobukhulu; wathi kubo,8Xa uthe wamenyelwa emsithweni ngubani, musa ukungqengqa esililini sobukhulu; hleze obekekileyo kunawe abe ubemenyiwe nguye,9eze lowo ubenimemile, athi kuwe, Khwelela lo mntu; uze uqale ukuthabatha indawo esekugqibeleni udanile.10Yithi xa uthe wamenywa, uye uhlale endaweni esekugqibeleni, ukuze, xa athe weza lowo ukumemileyo, athi kuwe, Sihlobo, nyukela ngasentla., wandule ke ukuba nozuko emehlweni abo bahleli ndawonye nawe.11Ngokuba wonke umntu oziphakamisayo, uya kuthotywa; nozithobayo uya kuphakanyiswa.12Wayesithi ke nakulowo ummemileyo, Xa sukuba usenza isidlo sasemini, nokuba sesangokuhlwa, musa ukubiza izihlobo zakho, nabazalwana bakho, nemizalwane yakho, nabamelwane abazizityebi; hleze nabo babuye bakumeme, ize oko kube yimbuyekezo kuwe.13Yithi xa sukuba usenza isidlo, umeme amahlwempu, izilima, iziqhwala, iimfama;14woba nentsikelelo; ngokuba abanako ukubuyekeza kuwe; kuba uya kubuyekezwa wena eluvukweni lwamalungisa.15Ke kaloku, akuziva ezo zinto omnye kwabo babehleli naye, wathi kuye, Unoyolo oya kudla isonka ebukumkanini bukaThixo.16Uthe ke yena kuye, Umntu othile wenza isidlo esikhulu, wamema abaninzi.17Wasusa umkhonzi wakhe ngelixa lesidlo, ukuba aye kuthi kwabamenyiweyo, Yizani; ngokuba konke sekulungisiwe.18Baqala bonke ngakunye ukuzilanduleka; owokuqala wathi kuye, Ndithenge intsimi, kufuneka ukuba ndiphume ndiye kuyibona; ndiyakucela, mandibe ngowabalandulelwayo.19Wathi omnye, Ndithenge iinkomo zeedyokhwe ezintlanu, ndiya kuziva; ndiyakucela mandibe ngowabalandulelwayo.20Wathi omnye, Ndizeke umfazi, ngenxa yoko andinakuza.21Efikile loo mkhonzi, wayibikela ke inkosi yakhe ezo ndawo. Wandula waqumba umninindlu, wathi kumkhonzi wakhe, Phuma kamsinya, uye ezitratweni nakwizitratwana zomzi, uqukele apha amahlwempu nezilima neziqhwala neemfama.22Wathi umkhonzi, Nkosi, kwenzeke njengoko ubuyalele, ukanti kusekho indawo.23Yathi inkosi kumkhonzi lowo, Phuma uye ezindleleni, nasezintangweni, ubanyanzele bangene, ukuze indlu yam izale.24Kuba ndithi kuni, akukho nanye kuloo madoda abemenyiwe, eya kusiva isidlo sam.25Ke kaloku kwaye kuhamba naye izihlwele ezikhulu; wajika, wathi kuzo,26Ukuba ubani uza kum, angamthiyi uyise, nonina, nomfazi, nabantwana, nabazalwana, nodade, ewe, nobakhe ubomi, akanakuba ngumfundi wam.27Nosukuba engawuthwali umnqamlezo wakhe, andilandele, akanakuba ngumfundi wam.28Kuba nguwuphi na kuni othi, ethanda ukwakha inqaba, angakhe ahlale phantsi kuqala, abale indleko, ukuba unazo na izinto zokuyigqiba?29Hleze, akubon ukuba usibekile isiseko, angabi nakugqiba, bathi bonke ababonelayo baqale ukuhlekisa ngaye,30besithi, Lo mntu waqala ukwakha, wakhohlwa ukugqiba.31Kananjalo nguwuphi na ukumkani othi, esiya kuhlangana nomnye ukumkani emfazweni, angakhe ahlale phantsi kuqala, acinge ukuba unako na, enashumi-nye lamawaka, ukuhlangabeza omzelayo enamashumi amabini amawaka?32Ukuba ke akanako, uthi esekude, athume isigidimi, acele iindawo zoxolo.33Ngokukwanjalo ngoko, wonke umntu kuni ongazishiyiyo zonke iimpahla zakhe, akanakuba ngumfundi wam.34Ilungile ityuwa; ke ukuba ityuwa ithe ayaba nasongo, yothiwani na ukuvakaliswa?35Ayiwulungele nomhlaba, ayiwulungele nomgquba; ilahlelwa phandle. Lowo uneendlebe zokuva makeve.