1Waye engene uYesu, ecanda eYeriko.2Kwakho ndoda ibizwa ngegama elinguZakeyu; yaye yona iyintloko yababuthi berhafu; yaye isisityebi yona.3Yayifuna ukumbona uYesu, ukuba ngubani na; ayaba nako ngenxa yendimbane, ngokuba ngesithomo yayimfutshane.4Yagidima ngaphambili, yakhwela kumthombe ukuze imbone; ngokuba ebeza kudlula ngapho.5Akufika kuloo ndawo, wakhangela phezulu uYesu, wayibona, wathi kuyo, Zakeyu, khawuleza uhle; kuba namhlanje ndimelwe kukuhlala endlwini yakho.6Wakhawuleza ke, wehla, wamamkela ngobubele, evuya.7Baye bonke, bakuyibona loo nto, bekrokra, besithi, Ungene waya kulala kwindoda engumoni.8Wema ke uZakeyu, wathi kuyo iNkosi, Uyabona, isiqingatha sempahla yam, Nkosi, ndisinika amahlwempu; nokuba ndidle into kabani ngokumtyhola, ndimbuyisela kane.9Uthe ke uYesu kuye, Namhlanje kufike usindiso kule ndlu, ngokokuba naye engunyana ka-Abraham;10kuba uNyana woMntu weza kufuna nokusindisa oko kulahlekileyo.11Ke kaloku, bakubon ukuba bayaziva ezi zinto, uqokele wathetha umzekeliso, ngenxa yokuba ebekufuphi eYerusalem, nangokuba babesiba ubukumkani bukaThixo buza kubonakala kwangoko.12Wathi ngoko, Umntu othile olinene wahambela ezweni elikude, eya kuzamkelela ubukumkani, aze abuye.13Ubabizile ke abakhonzi bakhe abalishumi, wabanika iimina zalishumi, wathi kubo, Rhwebani, ndide ndifike.14Ke abemi bomzi wakhe babemthiyile, bathuma izigidimi emva kwakhe, besithi, Asithandi ukuba lo abe ngukumkani phezu kwethu.15Kwathi, akuba ebuyile, ebamkele ubukumkani, wathi, mababizelwe kuye abo bakhonzi abebanike imali leyo, ukuze azi ukuba unantsi urhwebe ntoni na.16Wavela ke owokuqala esithi, Nkosi, imina yakho izele iimina zalishumi.17Uthe kuye, Hee ke, mkhonzi ulungileyo; ngokuba waba nokuthembeka entweni encinanana, yiba negunya kwimizi elishumi.18Weza nowesibini, esithi, Nkosi, imina yakho yenze iimina zantlanu.19Uthe ke nakulowo, Nawe yiba phezu kwemizi emihlanu20Weza nomnye esithi, Nkosi, nantsi imina yakho endibe ndinayo, ndiyibeke eqhiyeni;21kuba ndibe ndikoyika wena, ngokuba ungumntu obungqabangqaba, uthabatha into ongayibekanga, uvune into ongayihlwayelanga.22Athi ke kuye, Ndiya kukugweba ngokuphuma emlonyeni wakho, mkhonzindini ungendawo; ubusazi nje ukuba mna ndingumntu obungqabangqaba, othabatha into angayibekanga, avune into angayihlwayelanga;23ibiyini na phofu, ukuba ungayibeki imali yam ebhankini, ndaza mna ekufikeni ndaba ndiyibize inenzala?24Wathi kwababemi ngakhona, Mhlutheni imina leyo, niyinike lowo uneemina ezilishumi.25Bathi ke kuye, Nkosi, uneemina ezilishumi.26Kuba ndithi kuni, Wonke umntu onako uya kunikwa; ongenako ke, uya kuhluthwa kwanoko anako.27Ke zona ezo ntshaba zam zazingathandanga ukuba ndibe ngukumkani phezu kwazo, ziziseni apha, nizincinithe phambi kwam.28Waye, akuba ezithethile ezi zinto, ehamba ngaphambili, enyuka esiya eYerusalem.29Kwathi, akusondela eBhetefage naseBhetani, esingise entabeni ekuthiwa yeyemiNquma, wesusa bababini kubafundi bakhe,30wathi, Hambani niye emzaneni lo ukhangelene nani; nothi, nakungena kuwo, nifumane ithole le-esile libotshelelwe, ekungazanga kuhlale namnye umntu phezu kwalo; likhululeni nilizise.31Nokuba ubani uyanibuza, esithi, Yini na ukuba nilikhulule? nothi ukuthetha kuye, Liyafuneka eNkosini.32Basuka ke baya abo babethunyiwe, bafumana kunjengoko abekutshilo kubo.33Ke kaloku, bakubon ukuba bayalikhulula ithole, bathi abaninilo kubo, Nilikhululelani na ithole?34Bathi ke bona, Liyafuneka eNkosini.35Balizisa kuYesu, baphosa iingubo zabo phezu kwethole elo, bamkhwelisa uYesu.36Akubon ukuba uyahamba ke, bamana bezandlala iingubo zabo endleleni.37Ke kaloku, akubon ukuba selesondele ekuhleni kwayo iNtaba yemiNquma, yaqala yonke inkitha yabafundi yavuya, yadumisa uThixo ngezwi elikhulu, ngayo yonke imisebenzi yamandla abayibonayo;38besithi, Makabongwe lo Kumkani uzayo egameni leNkosi; uxolo emazulwini, uzuko enyangweni.39Abathile kubaFarisi esihlweleni apho bathi kuye, Mfundisi, bakhalimele abafundi bakho.40Waphendula wathi kubo, Ndithi kuni, kungathi kuthe cwaka aba, kunkqangaze amatye la.41Akusondela, wawubona umzi, wawulilela,42esithi, Akwaba ubusazi nawe lo kwangayo yona le mini yakho, izinto ezizezoxolo lwakho! Ke kungoku zifihliwe emehlweni akho.43Ngokuba uya kufikelwa yimihla, eziya kuthi iintshaba zakho zikubiyele ngodonga, zikungqinge, zikuxine ngeenxa zonke,44zikukhahlele phantsi wena, nabantwana bakho phakathi, kwakho; zingashiyi nelitye phezu kwelitye phakathi kwakho, ngenxa enokuba ungalazanga ixesha lokuvelelwa kwakho.45Waza, eye kungena etempileni, waqala ukubakhupha abo babethengisa kuyo, nababethenga;46esithi kubo, Kubhaliwe kwathiwa, Indlu yam yindlu yokuthandaza; ke nina niyenze umqolomba wezihange.47Wayefundisa imihla ngemihla etempileni apho. Baye ke ababingeleli abakhulu nababhali, kwanabaziintloko zabantu, befuna ukumtshabalalisa.48Baye ke bengafumani nto bangayenzayo; kuba bonke abantu babenamathele kuye, bemphulaphula.