Xhosa

Luke

22

1Ke kaloku, wawusondela umthendeleko wezonka ezingenagwele, ekuthiwa yipasika.2Baye ababingeleli abakhulu nababhali befuna ukuba bangathini na ukumbulala, kuba bebesoyika abantu.3Wangena ke uSathana kuYuda, ogama limbi linguSikariyoti, ongowenani labalishumi elinababini.4Wemka, waya wathetha nababingeleli abakhulu nabaphathi betempile, ukuba angathini na ukumnikela kubo.5Bavuya, banqophisana naye ukumnika imali,6wabavumela, wamana efuna ithuba elimlungeleyo lokumnikela kubo, kungekho siphendu.7Wafika ke umhla wezonka ezingenagwele, ekwakumele ukuthi ngawo kubingwe imvana yepasika.8Wesusa uPetros noYohane, wathi, Hambani niye kusilungisela ipasika, ukuze sidle.9Bathe ke bona kuye, Ufuna ukuba siyilungise phi na?10Uthe ke yena kubo, Yabonani, nakungena kuwo umzi lo, nohlangatyezwa ngumntu ethwele umphanda wamanzi; mlandeleni, niye endlwini angena kuyo.11Nothi kumninindlu, Uthi uMfundisi kuwe, Liphi na igumbi labahambi, apho ndingadlela khona ipasika nabafundi bam?12Kwayena wonibonisa igumbi eliphezulu elikhulu, landlelwe; lungisani apho ke.13Bemka ke, bafumana kunjengoko ebetshilo kubo, bayilungisa ipasika.14Uthe ke lakufika ilixa, wahlala phantsi, nabapostile abalishumi elinababini kunye naye.15Wathi kubo, Asikuko nokuba ndinqwenile ukuyidla nani le pasika, ndingekabuva ubunzima.16Kuba ndithi kuni, Andiyi kubuya ndibe sadla kuyo, ide izaliseke ebukumkanini bukaThixo.17Wamkela indebe, wabulela, wathi, Yithabatheni, nabelane ngayo.18Kuba ndithi kuni, Andisayi kusela kwisiqhamo somdiliya, bude bufike ubukumkani bukaThixo.19Wathabatha isonka, wathi akubulela waqhekeza, wabanika, esithi, Ngumzimba wam lo, onikelwa ngenxa yenu; oku kwenzeleni ukundikhumbula.20Kwangokunjalo nayo indebe wayithabatha, kwakukhovwa ukudliwa, esithi, Le ndebe ingumnqophiso omtsha osegazini lam, eliphalalela nina.21Kodwa niyabona, isandla sondingcatshayo sinam etafileni apha.22UNyana woMntu okunene uyemka, njengoko kumisiweyo; kodwa ke, yeha, loo mntu angcatshwa nguye!23Baqala bona ukubuzana phakathi kwabo, ukuba ingaba ke nguwuphi na kubo, oza kuyenza le nto.24Ke kaloku kwabakho nokubangisana phakathi kwabo, kokuthi, nguwuphi na kubo ekungathiwa ngomkhulu.25Uthe ke yena kubo, Ookumkani beentlanga bayazigagamela; kwanabo benza ngegunya kuzo, kuthiwa ngabancedi.26Ke nina ze ningabi njalo: omkhulu kuni, makabe njengomnci; nongumphathi makabe njengomlungiseleli.27Kuba nguwuphi na omkhulu: ngulowo uhleli esithebeni, ngulowo ulungiselelayo, kusini na? Asingulowo uhleli esithebeni na? Ke mna phakathi kwenu ndinjengomlungiseleli.28Nina ke ningabo basoloko behleli nam ekulingweni kwam.29Nam ndinimisela ubukumkani, njengokuba uBawo endimisele mna,30ukuze nidle, nisele, esithebeni sam ebukumkanini bam, nihlale ezitroneni, nigweba izizwe ezilishumi elinazibini zakwaSirayeli.31Ithe ke iNkosi, Simon, Simon, uyabona, uSathana ubenibanga, ukuba anele njengengqolowa.32Ke mna ndikhungile ngawe, ukuba ukholo lwakho lungapheli; nawe ke, xa ubuye wabuya, uze ubazimase abazalwana bakho.33Wathi ke yena kuyo, Nkosi, sendikulungele ukuya nawe nasentolongweni, nasekufeni.34Ithe ke yona, Ndithi kuwe, Petros, ayisayi kulila namhlanje inkuku, ungekakhanyeli kathathu ukuba uyandazi.35Yathi kubo, Okuya ndanithuma ningenangxowa yamali, nangxowa yamphako, nazimbadada, khe naswela nto na? Bathi ke bona, Nento le.36Ithe ke kubo, Kungokunje, lowo unengxowa yemali makayithabathe, enjenjalo nonengxowa yomphako; nalowo usweleyo, makathengise ngengubo yakhe, athenge ikrele.37Kuba ndithi kuni, Oku kubhaliweyo kusamele ukufezeka kum, khona oku: Wabalwa nabachasi-mthetho; kuba kananjalo izinto ezingam zinemfezeko.38Bathi ke bona, Nkosi, uyabona, nanga amakrele emabini. Ithe ke yona kubo, Kwanele.39Uphumile ke, waya ngokwesiko lakhe eNtabeni yemiNquma, bamlandela ke nabafundi bakhe.40Efikile ke kuloo ndawo, wathi kubo, Thandazani, ningangeni ekulingweni.41Waziqhiwula yena kubo umgama ongangokugibisela ilitye, waguqa ngamadolo wathandaza,42esithi, Bawo, ukuba uyavuma, mayidlule le ndebe, kum; kodwa makungabi kukuthanda kwam, makube kokwakho okwenzekayo.43Kwabonakala ke kuye isithunywa, sivela ezulwini, simomeleza.44Uthe ke, eneminzunzu, kwaba kukhona athandaza enyamekile. Kwathi ke ukubila kwakhe kwanga kungamathontsi amakhulu egazi, esiwa emhlabeni.45Wavuka ekuthandazeni, weza kubafundi bakhe, wabafumana belele ngokuba buhlungu kwentliziyo.46Wathi kubo, Yini na ukuba nilale? Vukani, nithandaze, ukuze ningangeni ekulingweni.47Ke kaloku, akubon’ ukuba usathetha, kwathi gqi indimbane, waye nalowo kuthiwa nguYuda, omnye weshumi elinababini, ehamba phambi kwabo; wasondela kuYesu eza kumanga.48Uthe ke uYesu kuye, Yuda, umngcatsha uNyana woMntu ngokumanga na?49Ke kaloku abo babemphahlile, bakukubona okuza kuhla, bathi kuye, Nkosi, sixabele na ngekrele?50Omnye kubo abo wamxabela umkhonzi wombingeleli omkhulu, wamnqamla indlebe yokunene.51Waphendula ke uYesu wathi, Yekani, kwanele. Wayichukumisa indlebe yakhe, wamphilisa.52Uthe ke uYesu kwabo babemfikele, ababingeleli abakhulu, nabaphathi betempile, namadoda amakhulu, Niphume ninamakrele neentonga na, nanga nize esihangeni?53Bendinani imihla ngemihla etempileni, anolula zandla ngakum; kambe eli lilixa lenu, negunya lobumnyama.54Bambambile ke, bamrhola, bamsa endlwini yombingeleli omkhulu; waye ke uPetros elandela ekude.55Ke kaloku, bakubon’ ukuba babase umlilo phakathi kwentendelezo, behleli phantsi ndawonye, uthe wahlala uPetros phakathi kwabo.56Ke umkhonzazana othile umbonile ehleli ebandezini, wamjonga wathi, Nalo ube enaye.57Wamkhanyela ke yena, esithi, Nkazanandini, andimazi.58Kwakuba mzuzwana, omnye wambona wathi, Nawe ungowabo. Wathi ke uPetros, Mntundini, andinguye.59Kwakuba kuhambe ilixa ngathi linye, omnye uqinisele wathi, Inyaniso, nalo ubenaye; kuba ukwangowaseGalili.60Uthe ke uPetros, Mntundini, andiyazi into oyithethayo. Kuthe kwangoko, esathetha, yalila inkuku.61Yajika iNkosi, yondela kuPetros. Walikhumbula ke uPetros ilizwi leNkosi, njengoko ibithe kuye, Ingekalili inkuku, uya kundikhanyela kathathu.62Waza uPetros, ephume phandle, walila ngokukrakra.63Aye amadoda ambambileyo uYesu edlala ngaye, emtyakatya.64Athe akuba emgqubuthele, ambetha ebusweni, ambuza esithi, Profeta; ngubani na lo ukubethileyo?65Aye emthethela nezinye izinto ezininzi, enyelisa.66Kuthe kwakusa, yahlanganisana intlanganiso yamadoda amakhulu abantu, nababingeleli abakhulu, kwanababhali, bamrholela entlanganisweni yabo yamatyala, besithi,67Ukuba unguye uKristu wena, sixelele. Uthe ke yena kubo, Ukuba ndithe ndanixelela, anisayi kukholwa;68nokuba ke ndithe ndanibuza, anisayi kundiphendula, anisayi kundikhulula.69Ethabathela kweli xa, uNyana woMntu uya kuba ehleli ekunene kwamandla kaThixo.70Bathi ke bonke, Unguye na ke wena uNyana kaThixo? Uthe ke yena kubo, Nani nithi ndinguye.71Bathi ke bona, Sisabufunelani na ubungqina, kuba thina ngokwethu sivile ngomlomo wakhe.