1Ke kaloku, ngolokuqala usuku lweveki, ngesifingo sokusa, beza engcwabeni, bephethe ubulawu ababebulungisile, kukho nabanye abafazi nabo.2Balifumana ke ilitye liqengqiwe, lesuka engcwabeni.3Bakuba bengenile, abawufumananga umzimba weNkosi uYesu.4Kwathi, ekukhohlweni kwabo yile nto, kwabonakala amadoda amabini, ebafikela, eneengubo ezibengezelayo.5Ke kaloku, bakubon ukuba bangenelwe kukoyika, beqondele emhlabeni, athi kubo, Yini na ukuba ophilileyo nimfune phakathi kwabafileyo?6Akakho apha, uvukile; khumbulani ukuthetha kwakhe kuni, oko ebesekwelaseGalili,7esithi, UNyana woMntu umelwe kukuthi anikelwe ezandleni zabantu abangaboni, abethelelwe emnqamlezweni, athi ngomhla wesithathu abuye avuke.8Bawakhumbula ke amazwi akhe;9bebuyile engcwabeni, bazibika zonke ezo zinto kwabalishumi elinamnye, nakubo bonke abanye.10Baye ke bengooMariya waseMagadala, noYohana, noMariya kaYakobi, nabanye ababenabo, abazixelayo ezo zinto kubapostile.11Amazwi abo abonakala emehlweni abo engathi kukulavuza; abakholwa ngabo.12Esukile ke uPetros, wagidima waya engcwabeni; athi eqondele, azibone iilinen abesongelwe kuzo, zilele zodwa; wagoduka, emangalisiwe koko kuhlileyo.13Kwabonakala kusiya babini bakubo, kwangaloo mini, kumzana ozitadiya zimashumi mathandathu, umgama wawo neYerusalem, ogama liyiEmawusi.14Baye bona bexoxa bodwa ngazo zonke izinto ezibe zihlile.15Kwathi, ekuxoxeni kwabo, nasekubuzaneni kwabo, uYesu ngokwakhe wasondela wahamba nabo.16Kuloko amehlo abo ayebanjiwe, ukuba bangamazi.17Wathi ke kubo, Ziindawo zini na ezi nincokola ngazo, nihamba nibe nithe matshamatsha?18Uphendule ke omnye, lo ugama linguKleyopa, wathi kuye, Umhambi eYerusalem apha nguwe wedwa na, ukuba ungazazi nje izinto ezihle khona ngazo ezi mini?19Wathi kubo, Ziphi na? Bathi ke bona kuye, EzingoYesu waseNazarete, obeyindoda engumprofeti, enobunkunkqele ekwenzeni nasekuthetheni, phambi koThixo nabo bonke abantu;20ukuba bathini na ababingeleli abakhulu nabaphathi bethu ukumnikela ukuba agwetywe afe, bambethelela nasemnqamlezweni.21Ke kaloku, thina besithembe ukuba nguye oza kukhulula uSirayeli ngentlawulelo; kunjalonje ke, namhla lusuku lwesithathu zenzekile ezo zinto.22Kananjalo abafazi abathile bethu, ababesengcwabeni kwakusasa, babethe sathi nqa.23Bathe bengawufumani umzimba wakhe, beza besithi, babone nombono wezithunywa zezulu, ezithi zona, uhleli.24Basuka nabathile ababenathi, baya engcwabeni, bafika kunjengoko babetshilo abafazi; ke yena abambonanga.25Waza yena wathi kubo, Oyi! basweli-kuqonda, bantliziyo zizeka kade ukukholwa kuko konke abakuthethayo abaprofeti!26UKristu ubengamelwe na kukuthi abuve obu bunzima, aze angene eluzukweni lwakhe?27Uqalele ke kuMoses nakubo bonke abaprofeti, wabachazela kuzo zonke izibhalo iindawo ezingaye.28Basondela kuloo mzana babesiya kuwo; wanga yena uyegqitha.29Besuka bamzama, besithi, Hlala nathi; ngokuba kuza kuhlwa, nemini iseyisangene. Wangena ukuba ahlale nabo.30Kwathi, ekungqengqeni kwakhe ngasesithebeni ndawonye nabo, wasithabatha isonka, wasikelela, waqhekeza, wabanika.31Avulwa ke amehlo abo, bamazi; wathi shwaka yena kubo.32Batshono ukuthi, Intliziyo yethu ibingavuthi na ngaphakathi kwethu, xa ebethetha nathi endleleni, naxa ebesityhilela izibhalo?33Besuka kwangelo lixa, babuyela eYerusalem, babafumana abalishumi elinamnye, bequkene ndawonye nabo babenabo,34besithi, INkosi inene ivukile, yabonakala kuSimon.35Baye nabo bezichankcisa izinto zendlela, nokwazeka kwayo kubo ekuqhekezeni isonka.36Ke kaloku, bakubon ukuba bayazithetha ezo zinto, uYesu ngokwakhe wema phakathi kwabo, wathi kubo, Uxolo malube nani.37Besuka ke bankwantya, bangenelwa kukoyika, beba babone umshologu.38Wathi kubo, Yini na ukuba nikhathazeke? Kungani na ke ukuba kunyuke izicamango ezintliziyweni zenu?39Khangelani izandla zam neenyawo zam, ngokuba ndim kanye; ndicofeni, nikhangele; ngokuba umshologu awunanyama namathambo, njengokuba nindibona ndinawo mna.40Utshilo, wababonisa izandla neenyawo zakhe.41Ke kaloku, bakubon ukuba abakakholwa, ngenxa yovuyo, bemangalisiwe, wathi kubo, Ninanto na idliwayo apha?42Bamnika ke intwana yentlanzi eyosiweyo, neyenqatha lobusi;43wathabatha, wadla emehlweni abo.44Uthe ke kubo, Ngawo la amazwi endawathethayo kuni ndisenani, okokuba zimelwe kukuzaliseka zonke izinto ezibhaliweyo ngam emthethweni kaMoses, nasebaprofetini, nasezindumisweni.45Wandula wayivula ingqiqo yabo, ukuze baziqonde izibhalo;46wathi kubo, Kubhaliwe ngokunjalo, umelwe ngokunjalo uKristu kukuthi eve ubunzima, abuye avuke kwabafileyo ngomhla wesithathu;47nokuba kuvakaliswe egameni lakhe inguquko noxolelo lwezono kuzo zonke iintlanga, kuqalelwa eYerusalem.48Nina ke ningamangqina ezi zinto.49Yabonani, mna ndilithumela kuni idinga likaBawo; ke nina hlalani kuwo umzi oyiYerusalem, nide nambathiswe amandla aphuma enyangweni.50Ke kaloku wabarholela ngaphandle, kwada kwaya eBhetani; waziphakamisa izandla zakhe, wabasikelela.51Kwathi, ekubasikeleleni kwakhe, wahluka kubo, wenyuswa wasiwa emazulwini.52Baza bona, bakuba bequbudile kuye, babuyela eYerusalem benovuyo olukhulu.53Bamana behleli etempileni, bedumisa, bebonga uThixo. Amen.