Xhosa

Malachi

3

1Yabona, ndiya kuthuma umthunywa wam, agece indlela phambi kwam. Iya kuza ke ngesiquphe etempileni yayo iNkosi leyo niyifunayo; kwaumthunywa womnqophiso enimlangazelelayo, yabona, uyeza; utsho uYehova wemikhosi.2Ngubani na ke onokuyinyamezela imini yakuza kwakhe? Ngubani na ke onokuma ekubonakaleni kwakhe? Ngokuba unjengomlilo womnyibilikisi, unjengesoda yabaxovuli beengubo.3Uya kuhlala ke engumnyibilikisi, engumcoci wesilivere, abacoce oonyana bakaLevi, abahluze njengegolide, nanjengesilivere; babe ngabazisa umnikelo kaYehova benobulungisa.4Woba mnandi ke kuYehova umnikelo wakwaYuda nowaseYerusalem, ngokweemini zasephakadeni, ngokweminyaka yamandulo.5Ndiya kusondela kuni ukuba ndigwebe, ndibe lingqina elikhawulezayo kubakhafuli, nakubakrexezi, nakubafungi bobuxoki; nakwabacudisa umqeshwa ekumvuzeni, nomhlolokazi, nenkedama; nakwabathoba owasemzini, bangandoyiki mna; utsho uYehova wemikhosi.6Ngokuba mna, Yehova, andiguquguquki; ukuze ningagqitywa nje niphele, nina nyana bakaYakobi.7Kususela kwimihla yoyihlo, nimkile emimiselweni yam, anayigcina. Buyelani kum, ndibuyele kuni; utsho uYehova wemikhosi. Nithi ke, Sibuye ngokuthini na?8Umntu angamqhatha na uThixo, ukuba nindiqhathe nje? Nithi ke, Sitheni na ukukuqhatha? Kwizishumi nemirhumo.9Niqalekisiwe ngesiqalekiso; noko ke niphikele ukundiqhatha, nina luhlangandini nonke niphelu.10Ziziseni zonke izishumi endlwini yobuncwane bam, ize ke kubekho ukudla endlwini yam; ngoku nindicikide ngale nto, utsho uYehova wemikhosi, ukuba andisayi kunivulela na iingcango zezulu, ndinithululele iintsikelelo, kude kungasweleki lutho.11Ndoyikhalimela inkumbi edlayo ngenxa yenu, ingazonakalisi iziqhamo zomhlaba wenu, ungaphunzi umdiliya wenu entsimini; utsho uYehova wemikhosi.12Zonke iintlanga ziya kuthi ninoyolo, ngokuba niya kuba lilizwe elinanziweyo; utsho uYehova wemikhosi.13Amazwi enu andigixile, utsho uYehova. Nithi ke, Sithethe ntoni na ngawe?14Nithi, Akunto yanto ukumkhonza uThixo; sizuze ntoni na ngakuba sigcine isigxina sakhe, sahamba ngezimnyama zokuzila ngenxa kaYehova wemikhosi?15Kaloku ke sithi banoyolo abakhukhumeleyo; abaneli kwakheka abenzi bokungendawo; basuka bamcikide uThixo, basinde.16Ke kaloku abamoyikayo uYehova bathetha elowo nowabo; uYehova wazibaza iindlebe, weva; incwadi yokukhumbuza phambi kwakhe yabhalelwa abamoyikayo uYehova, abacinga ngegama akhe.17Uthi ke uYehova wemikhosi, Baya kuba yinqobo kum ngemini endenza oku, ndibaconge, njengomntu oconga unyana wakhe omkhonzayo.18Nobuya ke niwubone umahluko phakathi kwelungisa nongendawo, phakathi komkhonzayo uThixo nongamkhonziyo.