Xhosa

Matthew

4

1Waza uYesu wenyuswa nguMoya, wasiwa entlango, ukuba ahendwe nguMtyholi.2Uthe akuba ezile ukudla iimini ezimashumi mane nobusuku obumashumi mane, ekupheleni kwazo walamba.3Efikile ke umhendi kuye, uthe, Ukuba unguNyana kaThixo, yitsho la matye abe zizonka.4Waphendula ke yena wathi, Kubhaliwe kwathiwa, Akaphili ngasonka sodwa umntu, uphila ngamazwi onke aphuma emlonyeni kaThixo.5Eze uMtyholi, amthabathe amse kuwo umzi ongcwele, ammise eluchochoyini lwetempile, athi ke kuye,6Ukuba unguNyana kaThixo, ziphose ezantsi; kuba kubhaliwe kwathiwa, Uya kuziwisela umthetho ngawe izithunywa zakhe zasemazulwini, Zikufukule ngezandla, Hleze ubetheke ngonyawo lwakho etyeni.7Wathi uYesu kuye, Kubhaliwe kanjalo kwathiwa, Uze ungayihendahendi iNkosi uThixo wakho.8Ubuya uMtyholi amthabathe amse entabeni ephakame kakhulu, ambonise zonke izikumkani zehlabathi, nozuko lwazo;9athi kuye, Zonke ezi zinto ndokunika, ukuba uthe wawa phantsi, waqubuda kum.10Aze athi uYesu kuye, Suka umke, Sathana; kuba kubhaliwe kwathiwa, YiNkosi uThixo wakho oya kuqubuda kuyo, ukhonze yona yodwa.11Andule ke uMtyholi ukumyeka; nanko kufika izithunywa zezulu zimlungiselela.12Ke kaloku, akuva uYesu ukuba uYohane unikelwe entolongweni, wemka waya kwelaseGalili.13Wathi esukile eNazarete, weza wahlala eKapernahum engaselwandle, emideni yakwaZebhulon neyakwaNafetali;14ukuze kuzaliseke okwathethwayo ngoIsaya umprofeti, esithi,15Umhlaba wakwaZebhulon nomhlaba wakwaNafetali, Wendlela yaselwandle, phesheya kweYordan, WaseGalili yeentlanga,16Abantu abo bahleli ebumnyameni Babone ukukhanya okukhulu; Nabo bahleli ezweni nasethunzini lokufa Bavelelwe kukukhanya.17Waqala oko uYesu ukumemeza, esithi, Guqukani, kuba ubukumkani bamazulu busondele.18Uthe ke uYesu, ehamba ngaselwandle lwaseGalili wabona abazalwana ababini, uSimon ekuthiwa nguPetros noAndreya, umzalwana wakhe, bephosa umnatha elwandle; kuba babengababambisi beentlanzi.19Athi ke kubo, Yizani apha nindilandele; ndonenza nibe ngababambisi babantu.20Bayishiya kwaoko iminatha, bamlandela ke.21Uhambele phambili esuka apho, wabona abanye abazalwana ababini, uYakobi lo kaZebhedi, noYohane umzalwana wakhe, besemkhombeni noZebhedi uyise, belungisa iminatha yabo; wababiza ke.22Bawushiya kwaoko umkhombe noyise, bamlandela ke.23Waye uYesu elihamba lonke elaseGalili, efundisa ezindlwini zabo zesikhungu, evakalisa iindaba ezilungileyo zobukumkani, ephilisa izifo zonke nezikhuhlane zonke ebantwini.24Lwaphuma ke udumo lwakhe lwaya kulo lonke elaseSiriya, babazisa kuye bonke abafayo, bebanjwe zizifo ngezifo naziintuthumbo ngeentuthumbo, nabaphethwe ziidemon, nabanesathuthwane, nabanedumbe, wabaphilisa ke.25Walandelwa zizihlwele ezininzi zivela kwelaseGalili, naseDekapoli, naseYerusalem, nakwelakwaYuda, naphesheya kweYordan.