1Kaloku ngungelanani, ntombi yongungelwano; bayasingqinga, babetha ngentonga esidleleni nakumgwebi wakwaSirayeli.2Ke wena, Bhetelehem-efrata, umncinane kunokuba ubekho emawakeni akwaYuda, kuya kuphuma kuwe, eze ngenxa yam, oya kuba ngumlawuli kwaSirayeli, oziphumo zakhe zisusela kumandulo, zisusela kwimihla yasephakadeni.3Ngako oko uya kubanikela kude kube lixesha lokuzala kozalayo, ade abuye amasalela abazalwana bakhe, kunye noonyana bakaSirayeli;4uya kuma, aluse enamandla kaYehova, enobungangamsha begama likaYehova uThixo wakhe; bahlale; ngokuba ngoku uya kuba mkhulu, ese eziphelweni zehlabathi.5Woba luxolo lowo. Xa uAsiriya azileyo ezweni lakowethu, xa anyathelayo ezingxandeni zethu ezinde, siya kumisela abalusi abasixhenxe, neenkosi zabantu ezisibhozo, zimelane naye.6Baya kulalusa ilizwe laseAsiriya ngekrele, nelizwe lakwaNimrodi emasangweni alo; asihlangule kuma-Asiriya, xa azileyo ezweni lakowethu, xa anyathelayo emideni yethu.7Amasalela akwaYakobi aya kuba phakathi kwezizwe ezininzi, njengombethe ophuma kuYehova, njengamathontsi emvula ebutyanini; engathembele mntwini, engalindele koonyana babantu.8Amasalela akwaYakobi oba sezintlangeni, phakathi kwezizwe ezininzi, njengengonyama phakathi kweenyamakazi zehlathi; njengengonyama entsha phakathi kwemihlambi yeegusha, yona ithi, ingacanda kuzo, isuke inyhashe, iqwenge, kungabikho mhlanguli.9Masiphakame isandla sakho, sibe phezu kwababandezeli bakho, zinqunyulwe zonke iintshaba zakho.10Kothi ngaloo mini, utsho uYehova, ndiwanqumle amahashe akho, angabikho phakathi kwakho, ndizitshabalalise iinqwelo zakho zokulwa.11Ndoyinqumla imizi yelizwe lakowenu, ndizigungxule zonke iinqaba zakho;12ndibanqamle abakhafuli, bangabikho esandleni sakho; amatola angabikho kuwe.13Ndiya kuyinqumla imifanekiso yakho eqingqiweyo, nezimiso zakho zamatye, zingabikho phakathi kwakho; ungabi saqubuda kumsebenzi wezandla zakho.14Ndobanyothula ooAshera bakho, bangabikho phakathi kwakho; ndiyitshabalalise imizi yakho.15Ndiya kuphindezela ndinomsindo, ndishushu ezintlangeni ezingevayo.