Xhosa

Numbers

14

1Lonke ibandla laliphakamisa lalikhupha ilizwi lalo, balila abantu ungobo busuku.2Bonke oonyana bakaSirayeli babakrokrela ooMoses noAron; lathi kubo lonke ibandla, Akwaba besifele ezweni laseYiputa! Akwaba besifele nakule ntlango!3Yini na ukuba uYehova asizise kweli lizwe ukuze siwelikrele, abafazi nabantwana bethu babe lixhoba? Akusilungele na kanye ukuba sibuyele eYiputa?4Batshono ukuthi, Masizimisele umphathi, sibuyele eYiputa.5Bawa ooMoses noAron ngobuso babo phambi kwesikhungu sonke sebandla loonyana bakaSirayeli.6UYoshuwa unyana kaNun, noKalebhi unyana kaYefune, ababekwababelihlolile ilizwe, bazikrazula iingubo zabo.7Bathi kwibandla lonke loonyana bakaSirayeli, Ilizwe esacanda kulo silihlola, lilizwe elihle kakhulu kunene.8Ukuba uYehova usinonelele, wosisa kwelo zwe, asinike; lilizwe elibaleka amasi nobusi.9Kodwa musani ukugwilika kuYehova, musani ukuboyika abantu belo zwe nina; kuba bakukudla kwethu. Umkile umthunzi wabo kubo, uYehova unathi; musani ukoyika.10Ke lathi lonke ibandla mabaxulutywe ngamatye. Babonakala ubuqaqawuli bukaYehova ententeni yokuhlangana kubo bonke oonyana bakaSirayeli.11Wathi uYehova kuMoses, Kuya kuda kube nini na bendigiba aba bantu? Kuya kuda kube nini nabengakholwa kum, kwimiqondiso yonke endiyenzileyo phakathi kwabo?12Ndiya kubabetha ngendyikitya yokufa, ndibagqogqe; wena ndikwenze uhlanga olukhulu olunamandla kunabo.13Wathi uMoses kuYehova, AmaYiputa avile ukuba ubanyusile ngamandla akho aba bantu phakathi kwawo;14abaxelele nokubaxelela abemi beli lizwe. Bavile nabo ukuba wena, Yehova, uphakathi kwaba bantu. Ubonakala iliso kwiliso, wena Yehova, nelifu lakho limi phezu kwabo; uhamba phambi kwabo emqulwini welifu emini, emqulwini womlilo ebusuku.15Ukuba uthe wababulala aba bantu njengandoda-nye, zotsho iintlanga eziluvileyo udaba lwakho, ukuthi,16Kungenxa enokuba uYehova ebengenako ukubasa abobantu ezweni abebafungele lona, le nto abasikileyo entlango.17Kaloku amandla eNkosi makabe makhulu, njengoko wathethayo wena, wathi,18UYehova uzeka kade umsindo, mkhulu ngenceba, uxolela ubugwenxa nesikreqo, engeze amenze msulwa onetyala; uvelela ubugwenxa booyise koonyana kwesesithathu nakwesesine isizukulwana.19Buxolele, ndiyakukhunga, ubugwenxa baba bantu ngokobukhulu benceba yakho, njengoko ubuxoleleyo ubugwenxa baba bantu, uthabathele eYiputa wezisa apha.20Wathi uYehova, Ndibaxolele ngokwelizwi lakho.21Noko, ndihleli nje, buya kulizalisa ihlabathi lonke ubuqaqawuli bukaYehova.22Amadoda onke abubonileyo ubuqaqawuli bam, nemiqondiso yam endayenzayo eYiputa nasentlango, andilingileyo ezi zihlandlo zilishumi, akaliphulaphula izwi lam,23wona akasayi kulibona ilizwe endalifungela ooyise; bonke abandigibileyo abasayi kulibona.24Ke yena umkhonzi wam uKalebhi, ngenxa enokuba ebenamoya wumbi, wakholisa ukundilandela, ndiyakumfikisa ezweni ebeye kulo, lihluthwe yimbewu yakhe.25Ke ama-Amaleki namaKanan emi entilini. Jikani ngomso, ninduluke, nisinge entlango ngendlela eya eLwandle oluBomvu.26Wathetha uYehova kuMoses nakuAron, esithi,27Kuya kuda kube nini na ndilithwele eli bandla lingendawo, lona elilindikrokrelayo? Izikrokro zoonyana bakaSirayeli abandikrokrela ngazo ndizivile.28Yithi kubo, Ndihleli nje, utsho uYehova, inene, njengoko nithethileyo ezindlebeni zam, ndiya kwenjenjalo kuni.29Izidumbu zenu ziya kuwa kule ntlango; nabo bonke ababalwayo kuni ngokwenani lenu lonke, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, nina nindikrokreleyo,30aniyi kungena ezweni endaliphakamisela isandla sam ukuba ndinihlalise kulo, ingenguKalebhi unyana kaYefune, noYoshuwa unyana kaNun.31Ke usapho lwenu, ebe nisithi luya kuba lixhoba, ndiya kulungenisa lona, lulazi ilizwe enilicekisileyo.32Nina, izidumbu zenu ziya kuwa kule ntlango;33oonyana benu babe ngabalusi entlango iminyaka emashumi mane, bathwale ukuhenyuza kwenu, zide ziphele izidumbu zenu entlango.34Ngokwenani lemihla enalihlola ngayo ilizwe, imihla emashumi mane, umhla ube ngumnyaka, niyakubuthwala ubugwenxa benu iminyaka emashumi mane, nikwazi ukunishiya kwam.35Mna Yehova ndithethile; inene, le nto ndiya kuyenza kweli bandla lonke lingendawo, kwaba bahlangene ngam; baya kuphela kule ntlango, bafele kuyo.36Ke amadoda la abewathumile uMoses, ukuba alihlole ilizwe, aza abuya akrokrisa lonke ibandla ngaye, ngokuhambisa udaba olubi ngalo ilizwe,37wona loo madoda abehambise udaba olubi ngelizwe elo, afa sisibetho eso phambi koYehova.38Kwasala uYoshuwa unyana kaNun, noKalebhi unyana kaYefune, kuloo madoda abeye kulihlola ilizwe.39Wawathetha uMoses la mazwi kubo bonke oonyana bakaSirayeli; benza isijwili esikhulu abantu.40Bavuka kusasa, baya encotsheni yentaba, besithi, Sikho, siyakunyuka siyekuloo ndawo ayithethileyo uYehova; ngokuba sonile.41Wathi uMoses, Yini na, le nto niwugqithayo umlomo kaYehova? Le nto ayiyi kuphumelela.42Musani ukunyuka, kuba uYehova akakho phakathi kwenu; ningagxothwa ziintshaba zenu.43Ngokuba ama-Amaleki namaKanan akhona phambi kwenu, niya kuwa likrele; ngenxa yokuba nibuyile ekumlandeleni uYehova, akayi kuba nani uYehova.44Bagxalathelana, benyuka baya encotsheni yentaba; ke yona ityeya yomnqophiso kaYehova noMoses ayiphumanga phakathi kweminquba.45Ehla ama-Amaleki namaKanan abehleli kuloo ntaba, abaxabela, abaqoba kwasa eHorma.