Xhosa

Numbers

26

1Kwathi emva kwesibetho eso, wathetha uYehova kuMoses nakuElazare, unyana ka-Aron umbingeleli, wathi,2Balani inani lebandla lonke loonyana bakaSirayeli, nithabathele kominyaka imashumi mabini ezelwe, ninyuse, ngokwezindlu zooyise, bonke abaphuma umkhosi kwaSirayeli.3UMoses noElazare umbingeleli bathetha nabo ezinkqantosini zakwaMowabhi ngaseYordan, malunga neYeriko, besithi,4Thabathelani kominyaka imashumi mabini ezelwe, ninyuse, njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses.5Oonyana bakaSirayeli abaphumayo ezweni lamaYiputa babengaba: kwaRubhen amazibulo kaSirayeli: oonyana bakaRubhen: nguHanoki ozala amaHanoki; nguPalu ozala amaPalu;6nguHetseron ozala amaHetseron; nguKarmi ozala amaKarmi.7Yiyo leyo imizalwane yamaRubhen; ababalwayo kuyo babengamashumi amane anamathathu amawaka, anamakhulu asixhenxe, anamanci mathathu.8Oonyana bakaPalu nguEliyabhi.9Oonyana bakaEliyabhi nguNemuweli noDatan noAbhiram. Nguloo Datan noAbhiram babizwayo libandla, baphikisana noMoses noAron ebandleni likaKora, ekuphikisaneni kwabo noYehova;10waza umhlaba wawuvula umlomo wawo, wabaginya noKora ekufenikwelo bandla, ekudleni komlilo amadoda angamakhulu omabini, anamanci mahlanu, aba ngumqondiso.11Ke oonyana bakaKora abafanga.12Oonyana bakaSimon ngokwemizalwane yabo: nguNemuweli ozala amaNemuweli; nguYamin ozala amaYamin; nguYakin ozala amaYakin;13nguZera ozala amaZera; nguSawule ozala amaSawule.14Yiyo leyo imizalwane yamaSimon: amashumi amabini anamabini amawaka, anamakhulu mabini.15Oonyana bakaGadi ngokwemizalwane yabo: nguTsefon ozala amaTsefon; nguHagi ozala amaHagi; nguShuni ozala amaShuni;16nguOzeni ozala amaOzeni; nguEri ozala amaEri;17nguArodi ozala ama-Arodi; nguAreli ozala ama-Areli.18Yiyo leyo imizalwane yoonyana bakaGadi, ngokwababalwayo kubo: amashumi omane amawaka, anamakhulu mahlanu.19Oonyana bakaYuda nguEre no-Onan; bafa ooEre no-Onan ezweni lakwaKanan.20Oonyana bakaYuda ngokwemizalwane yabo babengaba: nguShela ozala amaShela; nguPeretse ozala amaPeretse; nguZera ozala amaZera.21Oonyana bakaPeretse babengaba: nguHetseron ozala amaHetseron; nguHamuli ozala amaHamuli.22Yiyo leyo imizalwane yakwaYuda, ngokwababalwayo kubo: amashumi asixhenxe anamathandathu amawaka, anamakhulu mahlanu.23Oonyana bakaIsakare ngokwemizalwane yabo; nguTola ozala amaTola; nguPuwa ozala amaPuwa;24nguYashubhi ozala amaYashubhi; nguShimron ozala amaShimron.25Yiyo leyo imizalwane yakwaIsakare, ngokwababalwayo kubo: anashumi amathandathu anamane amawaka, anamakhulu mathathu.26Oonyana bakaZebhulon ngokwemizalwane yabo; nguSerede ozala amaSerede; nguElon ozala amaElon; nguYaleli ozala amaYaleli.27Yiyo leyo imizalwane yamaZebhulon, ngokwababalwayo kubo: amashumi amathandathu amawaka, anamakhulu mahlanu.28Oonyana bakaYosefu ngokwemizalwane yabo nguManase noEfrayim.29Oonyana bakaManase: nguMakire ozala amaMakire; uMakire wazala uGiliyadi; nguGiliyadi ozala amaGiliyadi.30Ngabo aba oonyana bakaGiliyadi: nguIyezere ozala amaIyezere; nguHeleki ozala amaHeleki;31nguAseriyeli ozala ama-Aseriyeli; nguShekem ozala amaShekem; nguShemida ozala amaShemida;32nguHefere ozala amaHefere.33Ke uTselofehadi, unyana kaHefere, ebengenanyana; waye eneentombi zodwa. Amagama eentombi zikaTselofehadi nguMala, noNoha, noHogela, noMilka, noTirtsa.34Yiyo leyo imizalwane yakwaManase, ngokwababalwayo kubo: amashumi amahlanu anamabini amawaka, anamakhulu asixhenxe.35Ngabo aba oonyana bakaEfrayim ngokwemizalwane yabo: nguShutela ozala amaShutela; nguBhekere ozala amaBhekere; nguTahan ozala amaTahan.36Ngabo aba oonyana bakaShutela: nguEran ozala amaEran.37Yiyo leyo imizalwane yoonyana bakaEfrayim, ngokwababalwayo kubo; amashumi omathathu anamabini amawaka, anamakhulu mahlanu. Ngabo abo oonyana bakaYosefu ngokwemizalwane yabo.38Oonyana bakaBhenjamin ngokwemizalwane yabo; nguBhela ozala amaBhela; nguAshebhele ozala ama-Ashebhele; nguAhiram ozala ama-Ahiram;39nguShefufam ozala amaShefufam; nguHufam ozala amaHufam.40Oonyana bakaBhela nguArdi noNahaman; nguArdi ozala ama-Ardi; nguNahaman ozala amaNahaman.41Ngabo abo oonyana bakaBhenjamin ngokwemizalwane yabo; ababalwayo kubo ngamashumi amane anamahlanu amawaka, anamakhulu mathandathu.42Ngabo aba oonyana bakaDan ngokwemizalwane yabo; nguShuham ozala amaShuham. Yiyo leyo imizalwane yakwaDan ngokwemizalwane yabo.43Yonke imizalwane yamaShuham, ngokwababalwayo kubo, ngamashumi omathandathu anamane amawaka, anamakhulu mane.44Oonyana baka-Ashere ngokwemizalwane yabo: nguImna ozaa amaImna; nguIshwi ozala amaIshwi; nguBheriya ozala amaBheriya.45Koonyana bakaBheriya: nguHebhere ozala amaHebhere; nguMalekiyeli ozaa amaMalekiyeli.46Igama lentombi ka-Ashere nguSara.47Yiyo leyo imizalwane yoonyana baka-Ashere, ngokwababalwayo kubo: ngamashumi omahlanu anamathathu amawaka, anamakhulu mane.48Oonyana bakaNafetali ngokwemizalwane yabo: nguGatseli ozala amaGatseli; nguGuni ozala amaGuni;49nguYetsere ozala amaYetsere; nguShilem ozala amaShilem.50Yiyo leyo imizalwane yakwaNafetali ngokwemizalwane yabo; ababaliweyo kubo ngamashumi omane anamahlanu amawaka, anamakhulu mane.51Ngabo abo ababalwayo koonyana bakaSirayeli: ngamakhulu omathandathu amawaka anawaka-nye, anamakhulu asixhenxe, anamanci mathathu.52Wathetha uYehova kuMoses, esithi,53Malabelwe ezo zizwe ilizwe, libe lilifa lazo ngenani lamagama.54Esininzi wolenza lininzi ilifa laso, esincinane wolenza lincinane ilifa laso; eso sinikwe ilifa ngokwababalwayo kuso.55Kodwa ilizwe malabiwe ngeqashiso, balidle ilifa ngokwamagama ezizwe zooyise;56labiwe ilifa lazo ngokweqashiso, phakathi kwesininzi nesincinane.57Ngabo aba ababalwayo kubaLevi ngokwemizalwane yabo; nguGershon ozala amaGershon; nguKehati ozala amaKehati; nguMerari ozala amaMerari.58Yiyo le imizalwane yabaLevi: ngumzalwane wamaLibheni, ngumzalwane wamaHebron, ngumzalwane wamaMaheli, ngumzalwane wamaMushi, ngumzalwane wamaKora. UKehati wazala uAmram.59Igama lomka-Amram nguYokebhede, intombi kaLevi, eyazalelwa uLevi eYiputa; yamzalela uAmram ooAron noMoses, noMiriyam udade wabo.60UAron wazalelwa uNadabhi, noAbhihu, noElazare, noItamare.61Bafa ooNadabhi noAbhihu ekusondezeni kwabo umlilo ongesesikweni phambi koYehova.62Ababalwayo kubo baba ngamashumi omabini anamathathu amawaka, yonke into eyindoda, bethabathela kumntwana onyanga-nye benyusa; kuba bebengabalwanga phakathi koonyana bakaSirayeli; ngokuba bebengenalifa phakathi koonyana bakaSirayeli.63Ngabo abo babalwayo nguMoses noElazare umbingeleli, ababebabala oonyana bakaSirayeli ezinkqantosini zakwaMowabhi ngaseYordan, malunga neYeriko.64Ke kwabo kube kungasekho mntu wababebalwe ngooMoses noAron umbingeleli, abababalayo oonyana bakaSirayeli entlango yeSinayi.65Ngokuba uYehova ebethe kubo, Mabafele bona entlango kanye. Akwasala namnye ke kubo, ingenguKalebhi unyana kaYefune, noYoshuwa unyana kaNun.