Xhosa

Numbers

32

1Oonyana bakaRubhen noonyana bakaGadi baye benemfuyo eninzi, inkulu kunene. Balibona ilizwe laseYazere nelizwe laseGiliyadi, nantso loo ndawo iyindawo yemfuyo.2Beza oonyana bakaGadi noonyana bakaRubhen, bathetha kuMoses nakuElazare umbingeleli, nakwizikhulu zebandla, bathi,3IAtaroti, neDibhon, neYazare, neNimra, neHeshbhon, ne-Elale, neSebham, neNebho, neBhehon,4ilizwe awalibethayo uYehova phambi kwebandla lakwaSirayeli, lilizwe lemfuyo; ke abakhonzi bakho banemfuyo.5Bathi, Ukuba usibabale, abakhonzi bakho mabanikwe elo zwe, ukuba libe lelabo; ungasiwezi iYordan.6Wathi uMoses koonyana bakaGadi noonyana bakaRubhen, Baye emfazweni abazalwana benu, nihlale apha na nina?7Yini na ukuba nizityhafise iintliziyo zoonyana bakaSirayeli, ukuba bangaweleli ezweni abanika lona uYehova?8Benjenjalo ooyihlo ekubasuseni kwam eKadeshe-bharneha, ukuba balikhangele ilizwe.9Benyuka bada baya esihlanjeni sakwaEshkoli, balibona ilizwe, bazityhafisa iintliziyo zoonyana bakaSirayeli, ukuba bangayi ezweni abanikayo uYehova.10Wavutha umsindo kaYehova ngaloo mhla, wafunga, wathi,11Ndobona ukuba okha awubone amadoda anyukayo eYiputa, athabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe enyusa, umhlaba endawufungela uAbraham noIsake noYakobi, kuba engakuzalisanga ukundilandela;12ingenguKalebhi unyana kaYefune, umKenazi, noYoshuwa, unyana kaNun; ngokuba bekuzalisile ukumlandela uYehova bona.13Wavutha umsindo kaYehova kumaSirayeli, wawabhadulisa entlango iminyaka emashumi mane, sada sagqitywa sonke isizukulwana, esaye senze ububi emehlweni kaYehova.14Nanku nisuke nema esikhundleni sooyihlo, nikukwanda kwamadoda awonayo, ukongeza ngakumbi ekuvutheni komsindo kaYehova kwaSirayeli.15Xa nithe nabuya ekumlandeleni, wophinda kanjalo abasalise entlango nibonakalise ke aba bantu bonke.16Basondela kuye bathi, Izibaya zempahla emfutshane siya kuzibiyela imfuyo yethu apha, imizi siyakhele usapho lwethu.17Ke thina siya kukhawuleza sixhobe, sihambe phambi koonyana bakaSirayeli, side sibaseendaweni yabo; usapho lwethu luhlale emizini enqatyisiweyo, ngenxa yabemi balo ilizwe.18Asiyi kubuyela ezindlwini zethu, bade oonyana bakaSirayeli balizuze ilifa, elowo ilifa lakhe.19Kuba asiyi kudla lifa nabo phesheya kweYordan nangaphaya, xa ilifa lethu silizuze nganeno kweYordan ngasempumalanga.20Wathi uMoses kubo, Ukuba nithe nalenza elo lizwi, ukuba nithe naxhobela imfazwe phambi koYehova,21bayiwela iYordan bonke abaxhobileyo kuni, behamba phambi koYehova, bada bazigqogqa iintshaba zabo phambi kwabo,22leyiswa ilizwe phambi koYehova, nabuya emveni koko: noba msulwa ke kuYehova nakuSirayeli, eli lizwe libe lelenu phambi koYehova.23Ke ukuba anithanga nenjenjalo, yabonani, noba nonile kuYehova, nazi ukuba isono senu siya kunifumana.24Zakheleni imizi iintsapho zenu, nezibaya zempahla yenu emfutshane, niyenze le nto iphumileyo emlonyeni wenu.25Bathetha oonyana bakaGadi noonyana bakaRubhen, bathi, Abakhonzi bakho baya kwenza njengoko inkosi yethu iwise umthetho.26Abantwana bethu, nabafazi bethu, nemfuyo yethu, namaqegu ethu onke, oba khona emizini yaseGiliyadi.27Ke abakhonzi bakho baya kuwela, bonke abomkhosi bexhobele imfazwe phambi koYehova, njengoko inkosi yethu itshoyo.28UMoses wamwisela umthetho ngabo uElazare umbingeleli, noYoshuwa unyana kaNun, neentloko zezindlu zooyise zezizwe zoonyana bakaSirayeli.29Wathi uMoses kubo, Ukuba oonyana bakaGadi noonyana bakaRubhen bathe bawela nani eYordan, bonke bexhobele imfazwe phambi koYehova, laza leyiswa ilizwe phambi kwenu, nobanika ilizwe laseGiliyadi, ukuba libe lelabo.30Ke ukuba abathanga bawele bexhobile nani, boba nelifa phakathi kwenu ezweni lakwaKanan.31Baphendula oonyana bakaGadi noonyana bakaRubhen, bathi, Oko akuthethileyo uYehova kubakhonzi bakho, baya kukwenza.32Thina siya kuwela sixhobile phambi koYehova, siye ezweni lakwaKanan, ukuze ibe yeyethu inzuzo yelifa lethu nganeno kweYordan.33UMoses wabanika oonyana bakaGadi noonyana bakaRubhen nesiqingatha sesizwe sakwaManase, unyana kaYosefu, ubukumkani bukaSihon ukumkani wama-Amori, nobukumkani bukaOgi ukumkani waseBhashan, ilizwe elo ngokwemizi yalo nemida yalo, imizi yelizwe elo ngeenxa zonke.34Bayakha oonyana bakaGadi iDibhon, neAtaroti, neArohere,35neAtaroti-shofan, neYazere, neYogebheha,36neBhete-nimra, neBhete-haran, imizi enqatyisiweyo, nezibaya zempahla emfutshane.37Oonyana bakaRubhen bayakha iHeshbhon, ne-Elale, neKiriyatayim,38neNebho, neBhahali-mehon (iguqulwe amagama ayo), neSibhema; bayibiza ngamagama wambi imizi abayakhayo.39Baya oonyana bakaMakire, unyana kaManase, eGiliyadi; bayithimba, bawagqogqa ama-Amori abekuyo.40UMoses wamnika elaseGiliyadi uMakire, unyana kaManase, wahlala kulo.41UYahire unyana kaManase waya wazithimba iilali zakhona, wathi yiHavoti-yahire.42UNobha wayawayithimba iKenati namagxamesi ayo, wathi igama layo yiNobha.