1Imizekeliso kaSolomon unyana kaDavide, ukumkani wamaSirayeli, Yokuba kwaziwe ubulumko noqeqesho;2Yokuba kuqondwe iintetho zengqondo;3Yokuba kwamkelwe uqeqesho lwengqiqo, Ubulungisa, nesiko, nokuthe tye;4Yokuba izidenge zinikwe ubuqili, Ulutsha lunikwe ukwazi nokunkqangiyela;5Ukuze eve osisilumko, aqokele afunde, Oqondayo azuze amacebo obulumko;6Yokuba kuqondwe umzekeliso nezafobe zokuthetha, Amazwi ezilumko nezintsonkotha zazo.7Ukoyika uYehova kukuqala kokwazi; Ubulumko noqeqesho izimathane ziludelile.8Nyana wam, yiva uqeqesho lukayihlo, Ungawulahli umyalo kanyoko.9Kuba ezo zinto zisisangqawe esihle entlokweni yakho, Nezambalo emqaleni wakho.10Nyana wam, ukuba aboni bathe bakuhenda, Uze ungavumi ke.11Ukuba bathe, Hamba nathi, Masilalele igazi, Masibalalele abamsulwa bengenatyala;12Masibaginye njengelabafileyo behleli, Begqibelele, njengabehla baye emhadini;13Sofumana ubuncwane obunqabileyo, Sozizalisa izindlu zethu ngamaxhoba;14Wena ke woliphosa phakathi kwethu iqashiso lakho, Yoba nye ingxowa yethu sonke:15Nyana wam, musa ukuhamba ngendlela nabo; Lunqande unyawo lwakho emendweni wabo.16Kuba iinyawo zabo zigidimela ububi, Zikhawulezela ukuphalaza igazi;17Kuba ufumana usanekwa umnatha Emehlweni eentaka ezi zonke;18Ke bona balalela elabo igazi, Bazonda owabo umphefumlo.19Unjalo umendo wabo bonke abangxamele inzuzo embi; Imka nomphefumlo womniniyo.20Ubulumko bumemeza ngaphandle, Buvakalisa izwi labo ezitratweni.21Bumemeza emantloko eendawo zembutho; Ekungeneni kwamasango, Phakathi komzi, buthetha iintetho zabo, busithi:22Kunini na, ziyathandini, nithanda ubuyatha, Abagxeki befuna ukugxeka, Izinyabi zithiya ukwazi?23Nithe nabuyela ekohlwayeni kwam, Niyabona, ndowumpompozisela kuni umoya wam, Ndonazisa amazwi am.24Ngokokuba ndinibizile, anavuma, Ndolule isandla sam, akwabakho ukhathalayo;25Nesuka naliyeka necebo lam lonke, Anavuma ndakunohlwaya.26Nam ke ndonihleka ekusindekeni kwenu; Ndogculela ekufikeni kokunkwantyiswa kwenu;27Ekufikeni kokunkwantyiswa kwenu njengesithonga, Ekuzeni kokusindeka kwenu njengesaqhwithi, Ekufikelweni kwenu yimbandezelo nenkcutheko.28Baya kwandula bandibize, ndingaphenduli, Bandifune kwakusasa, bangandifumani;29Ngethuba lokuba bakuthiyile ukwazi, Abakunyula ukoyika uYehova;30Abalivuma icebo lam, Basigiba sonke isohlwayo sam:31Baya kudla ke isiqhamo sendlela yabo, Bahluthe ngamacebo abo.32Kuba ukuphamba kweziyatha kuyazi bulala, Nobunqobo bezinyabi buyazitshabala lisa.33Ke yena ondivayo uhleli ekholosile, Wonwabile ekunkwantyiseni kobubi.