1Isikali esikhohlisayo singamasikizi kuYehova; Ilitye elizeleyo lilikholo kuye.2Kwafika ukukhukhumala, kofika ukucukucezwa; Bunabathozamileyo ubulumko.3Ingqibelelo yabathe tye iyabakhapha; Ukuphenula kwamanginingini kuyawabhuqa.4Abunyusi ubuncwane ngemini yokuphuphuma komsindo; Ubulungisa buyahlangula ekufeni.5Ubulungisa bogqibeleleyo bulungelelanisa indlela yakhe; Ongendawo uwa kwangokungendawo kwakhe.6Ubulungisa babathe tye buyabahlangula; Amanginingini athiwa hlasi kwayimbimbithelo yawo.7Ekufeni komntu ongendawo liyaphela ithemba lakhe; Ukulinda kwabanamandla obudoda kutshabalele.8Ilungisa liyahlangulwa embandezelweni, Kufike ongendawo esikhundleni salo.9Intshembenxa iyamonakalisa ummelwane wayo ngomlomo; Ke ayahlangulwa amalungisa ngokwazi.10Isixeko siyadlamka ngokuhlala kakuhle kwamalungisa; Ekutshoneni kwabangendawo kuyamemelelwa.11Ngentsikelelo yabathe tye siyaphaka nyiswa isixeko; Ngomlomo wabangendawo siyahleleleka.12Odela ummelwane wakhe uswele intliziyo: Ke indoda enengqondo ihlala ithi tu.13Ohamba ehleba uhlakaza ucweyo; Ke yena omoya unyanisileyo uyayigubungela into.14Kwakuba kungekho mbonisi, bayawa abantu; Usindiso lusebuninzini bamaphakathi.15Kubi kakhulu komele omnye; Ke yena okuthiyayo ukumela omnye ukholosile.16Umfazi osimilo silungileyo uzizekela uzuko; Abanobungqwangangqwili bazizekela ubutyebi.17Uwuphethe kakuhle umphefumlo wakhe umtu onenceba; Isijorha siyihlisele ishwangusha inyama yaso.18Ongendawo usebenzela umvuzo oyinkohliso; Ke yena ohlwayela ubulungisa unomvuzo oyinyaniso.19Ubulungisa obububo busingisa ebomini; Ophuthuma ububi usingisa ekuzibulaleni kwakhe.20Ngamasikizi kuYehova abantliziyo zijibilizayo; Ukholwa ngabo bandlela zigqibeleleyo.21Ukakade onobubi akabi msulwa; Ke yona imbewu yamalungisa iyasinda.22Likhonkco legolide ethatheni lehagu Inzwakazi eswele izimvo.23Umnqweno wamalungisa yinto elungileyo yodwa; Ithemba labangendawo kukuphuphuma nje komsindo.24Kukho ohlakazayo, aye esanda ngokwanda; Kukho nozinqandayo kokumfaneleyo, oko kube yintswelo yodwa.25Umphefumlo osikelelayo uyatyetyiswa; Oseza ahluthise abanye, uyasezwa ahluthe naye.26Omangala nengqolowa, luyamqalekisa uluntu; Intsikelelo isentlokweni yothengisa ngayo.27Ozondelele okulungileyo ufuna okwamkelekileyo; Ongxamele ububi, buya kumfikela.28Okholosa ngobutyebi bakhe uya kuwa yena; Ke amalungisa aya kuhluma njengamagqabi.29Ogxugxisa indlu yakhe uya kudla ilifa elingumoya; Isimathane soba ngumkhonzi kontliziyo ilumkileyo.30Isiqhamo selungisa ngumthi wobomi; Umbambisi wemiphefumlo sisilumko.31Yabona, ilungisa liyavuzwa ehlabathini; Wobeka phi na ke ongendawo nomoni!