Xhosa

Proverbs

14

1Ubulumko bomfazi buyayakha indlu yakhe; Ukumatha kuyayichitha ngezakhe izandla.2Uhamba ngokuthe tye owoyika uYehova; Uthi gu bucala ngeendlela zakhe omdelayo.3Lusemlonyeni wesimathane uswazi lwekratshi; Umlomo wezilumko uyazigcina.4Apho kungekho nkomo, umkhombe wesitali uba ze; Indyebo eninzi iza ngamandla enkomo.5Ingqina elinyanisileyo aliwathethi amanga; Ke lifutha amanga ingqina elixokayo.6Umgxeki ufuna ubulumko, angabuzuzi; Ukwazi kulula konengqondo.7Suka ebusweni bendoda esisinyabi; Akuyi kuza wafumana mlomo wokwazi kuyo.8Ubulumko bonobuqili bukukuyiqonda indlela yakhe; Ukumatha kwezinyabi yinkohliso.9Idini letyala liyazigxeka izimathane; Phakathi kwabathe tye yimvisiswano.10Intliziyo iyabazi ubukrakra bayo ngokwayo; Omnye umntu akanakuzingenisa eluvuyweni lwayo.11Indlu yabangendawo iyatshatyalaliswa; Ke intente yabathe tye iyatyatyamba.12Kukho indlela ethe tye phambi komntu, Ukanti ukuphela kwayo ziindlela zokufa.13Nasekuhlekeni intliziyo inomvandedwa; Nokuphela kwalo uvuyo sisingqala.14Uhlutha ziindlela zakhe ontliziyo ishenxileyo: Umntu olungileyo uhlutha zizenzo zakhe ngokwakhe.15Isiyatha sikholwa ngamazwi onke; Onobuqili uyakuqonda ukunyathela kwakhe.16Isilumko siyoyika, sisuke entweni embi; Isinyabi siphuphuma umsindo, sizithembile.17Ozekanekayo wenza ukumatha; Indoda yamayelenqe ithiyekile.18Ilifa leziyatha kukumatha; Abanobuqili banxiba isithsaba sokwazi.19Abenzi bobubi basibekeka phambi kwabalungileyo; Abangendawo bema emasangweni amalungisa.20Ihlwempu lithiywa nangummelwane walo; Ke bona abathanda isityebi baninzi.21Omdelayo ummelwane wakhe uyona; Obabala abaziintsizana, hayi, uyolo lwakhe!22Abayi kulahleka yini na abayila ububi? Inceba nenyaniso iba nabayila okulungileyo.23Ekubulalekeni konke kubakho ungeniselo; Ke ukuthetha komlomo kubanga ukuswela kodwa.24Busisithsaba sezilumko ubutyebi bazo; Ukumatha kwezinyabi kukumatha.25Ingqina lenyaniso lihlangula imiphefumlo; Ke elifutha amanga liyinkohliso.26Ekoyikeni uYehova kukho inkoloseko eliqele, Abantwana bakhe baba nendawo yokuzimela.27Ukoyika uYehova lithende lobomi, Ukuze kusukwe ezirhintyelweni zokufa.28Busebuninzini babantu ubungangamela bokumkani; Kusekupheleni koluntu ukutshabalala kwesidwangube.29Ozeka kade umsindo unengqondo eninzi; Ke yena ozekanekayo ucaphula ukumatha.30Bubomi benyama intliziyo epholileyo; Ke lona ikhwele yimpehla emathanjeni.31Ocudisa isisweli ungcikiva uMenzi waso; Olibabalayo ihlwempu uyamzukisa.32Ongendawo uyangqulwa bububi bakhe; Ke ilungisa linehlathi ekufeni kwalo.33Entliziyweni yonengqondo buyaphumla ubulumko; Ke embilinini wesinyabi buyazazisa.34Ubulungisa buyaluphakamisa uhlanga; Isono lihlazo lezizwe.35Inkolelo yokumkani ikumkhonzi oqiqayo; Ukuphuphuma kwakhe umsindo kukowenza okuziintloni.