1Iqhekeza elomileyo lesonka, kunye nokuchulumacha, lilungile Ngaphezu kwendlu ezele yimibingelelo, enembambano.2Umkhonzi onengqiqo uya kumlawula unyana owenza okuziintloni, Ahlule ilifa phakathi kwabazalwana.3Ukhamba lolokunyibilikisa isilivere; iziko lelokunyibilikisa igolide; Umcikidi weentliziyo nguYehova.4Onobubi uwubazela indlebe umlomo onenkohliso, Uphulaphula ubuxoki obuselulwimini olweyeliselayo.5Ogculela ihlwempu ungcikiva uMenzi walo; Ovuyela inkxwaleko akabi msulwa.6Isithsaba samadoda amakhulu ngoonyana boonyana; Isihombo soonyana ngooyise.7Ayisifanele isidenge intetho ekhukhumeleyo; Yobeka phi na ke ukungalifaneli inene intetho ebubuxoki.8Sililitye elinqabileyo emehlweni omninilo isicengo, Apho asukuba ebheka khona, wenza ngengqiqo.9Ugubungela isikreqo ofuna uthando; Ophinda ayithethe into wahlula amakholwane.10Ukukhalinyelwa kuyangena konengqondo Ngaphezu kwemivumbo elikhulu kosisinyabi.11Oneenkani ufuna ububi bodwa; Ngoko ke uthunyelwa umthunywa osisijorha.12Kanye qubisana nebhere ehluthwe amathole ayo, Ungaqubisani nesinyabi ekumatheni kwaso.13Obuyekeza okubi esikhundleni sokulungileyo, Abuyi kusuka ububi endlwini yakhe.14Kukuvulela amanzi ukuqala kwengxabano; Yiyeke imbambano kungekavunganyewana.15Omgwebelayo ongendawo, kwanoligwebayo ilungisa, Bangamasikizi kuYehova bobabini.16Lelokwenzani na inani elisesandleni sesinyabi, lokurhweba ubulumko, Singenantliziyo nje?17Umhlobo uthanda ngamaxesha onke; Umzalwana uzalelwe imbandezelo.18Umntu oswele intliziyo ngobambana nomnye ngesandla, Ngomela umelo phambi kowabo.19Uthanda ukreqo othanda ukulwa; Owuphakamisayo umnyango wakhe ufuna ukuqhekeka.20Ontliziyo ijibilizayo akayi kukufumana okulungileyo; Ophenduka ngolwimi lwakhe weyela ebubini.21Ozala isinyabi uzizalela isingqala; Akanaluvuyo uyise wesidenge.22Intliziyo evuyileyo iyalungisa, ichachise; Umoya odakumbileyo uyawomisa amathambo.23Ongendawo wamkela isicengo esivela esondweni lengubo, Ukuze agqwethe indlela esesikweni.24Ubuso bonengqondo bubheke ebulumkweni; Ke amehlo esinyabi asekupheleni kwehlabathi.25Ububuhlungu bukayise unyana osisinyabi; Ububukrakra kumzalikazi wakhe.26Akulungile ukuhlawulisa nelungisa, Nokubetha amanene ngenxa yokuthe tye.27Owanqandayo amazwi akhe unokwazi: Omoya upholileyo yindoda enengqondo.28Kwanesimathane, ukuba sihleli sathi tu, kuthiwa sisilumko; Singawuvingca umlomo waso, kuthiwa sinengqondo.