Xhosa

Proverbs

24

1Musa ukubamonela abantu abanobubi; Ungakunqweneli ukuba uhlale nabo.2Kuba intliziyo yabo icamanga ukubhuqa, Nomlomo wabo uthetha ngokwaphula.3Indlu yona yakhiwa ngobulumko; Izinziswe ngengqondo;4Ngokwazi kuzaliswa amaqonga Bubuncwane bonke obunqabileyo nobumnandi.5Umfo osisilumko unamandla, Nendoda enokwazi ibonakalisa amandla amakhulu;6Ngokuba, ukhokelwe bubulumko, woba nako ukuzilwa iimfazwe zakho; Nosindiso lusebuninzini bamaphakathi.7Ubulumko bunqabile kwisimathane; Asiwuvuli umlomo waso esangweni.8Ocinga ngokwenza ububi, Lowo bathi ukumbiza nguMayelenqe.9Iyelenqe lesimathane sisono; Ulisikizi ebantwini umgxeki.10Uthe waphelelwa ngemini yembandezelo, Oba ebandezelwe amandla akho.11Hlangula abasiwa ekufeni; Nabajingxela baye ekubulaweni, khawubanqande.12Nokuba uthi, Yabona besingakwazi oko: Umlinganiseli weentliziyo yena akakuqondi na? Umgcini womphefumlo akakwazi na? Akayi kumbuyisela umntu ngokomsebenzi wakhe, yini na?13Yidla ubusi, nyana wam, kuba bulungile; Nencindi imnandi ekhuhlangubeni lakho.14Bazi ke ubulumko emphefumlweni wakho; Ukuba uthe wabufumana, kobakho ikamva, Linganqunyulwa ithemba lakho.15Wena ungendawo, musa ukulilalela ikhaya lelungisa, Ungasibhuqi isikhundla salo;16Kuba ilungisa liwa kasixhenxe, livuke; Ke abangendawo bakhubeka phantsi kwenkxwaleko.17Musa ukuvuya ekuweni kotshaba lwakho, Ingagcobi intliziyo yakho ekukhubekeni kwalo;18Hleze akubone uYehova, kube kubi emehlweni akhe, Awubuyise umsindo wakhe kulo.19Musa ukuvutha ngumsindo ngabenzi bobubi, Ungabamoneli abangendawo;20Kuba umenzi wobubi akayi kuba nakamva; Isibane sabangendawo siya kucinywa.21Nyana wam, moyike uYehova nokumkani, Ungazibandakanyi nabanokumbi;22Kuba kofika ngesiquphe ukusindeka kwabo; Ilishwa leminyaka yabo, ngubani na olaziyo?23Nala mazwi ngawezilumko: Ukukhetha ubuso ekugwebeni akulungile.24Othi kongendawo, Ulilungisa wena, Ziya kumqalekisa izizwe; ziya kumbhavumela iintlanga.25Kuya kuba mnandi kwabamohlwayayo; Kubo koza intsikelelo enokulungileyo.26Wanga imilebe yomlomo Ophendula ngamazwi athe gca.27Lilungise ishishini lakho phandle, Uzisebenzele entsimini yakho; Emveni koko wakhe indlu yakho.28Musa ukuba lingqina ngommelwane wakho ngaphandle kwesizathu; Ungasuka uthomalalise na nangomlomo wakho?29Musa ukuthi, Njengoko enze ngako kum, ndiya kwenjenjalo nam kuye, Ndiya kubuyisela indoda ngokomsebenzi wayo.30Ndagqitha entsimini yendoda elivila, Nasesidiliyeni somntu oswele ingqondo,31Ndafika simile imithuma sonke siphela; Ngaphezulu senile ngamarhawu, Nodonga lwaso lwamatye ludilikile.32Ndakhangela, ndasigqala ngentliziyo, Ndabona, ndamkela uqeqesho.33Ithi, Intwana yobuthongo, intwana yokozela, Intwana yokukhwabusha izandla ukuba ndilale:34Boza ubuhlwempu bakho njengomphangi; Nokuswela kwakho njengendoda enengweletshetshe.