1Luveni, bonyana, uqeqesho lukayihlo, Nizibaze iindlebe ukuze nikwazi ukuqonda.2Kuba ndininika imfundiso elungileyo; Musani ukuwushiya umyalelo wam.3Kuba ndandingunyana kubawo, Ndithambile, ndimnye phambi koma.4Wandiyala ke, wathi kum, Intliziyo yakho mayiwabambe amazwi am; Gcina imithetho yam, uphile,5Rhweba ubulumko, rhweba ingqondo; Musa ukulibala, ungathi gu bucala entethweni yomlomo wam.6Musa ukubushiya, bokugcina; Buthande, bokulondoloza.7Ingqalo yobulumko ithi, Rhweba ubulumko, Ngako konke ukurhweba kwakho urhwebe ingqondo.8Bunonelele, bokuphakamisa; Bokuzukisa, xa uthe wabuwola.9Boyinika intloko yakho isangqawe esihle, Bokupha isithsaba sokuhomba.10Yiva, nyana wam, uyamkele intetho yam, Iba mininzi kuwe iminyaka yobomi.11Ndikuyalele indlela yobulumko, Ndikunyathelise emkhondweni wokuthe tye.12Ekuhambeni kwakho akayi kuxinana amabanga akho; Nokuba uthe wagidima, akuyi kukhubeka.13Bambelela eluqeqeshweni, musa ukuluyeka; Lulondoloze, ngokuba lububomi bakho.14Musa ukungena emendweni wabangendawo, Unganyatheli endleleni yabanobubi.15Yiyeke; musa ukuya kugqitha kuyo; Yicezele, ugqithe.16Kuba abalali, ukuba abathanga benze ububi; Bemkelwa bubuthongo ukuba abathanga bakhubekise abanye.17Kuba badla isonka sokungendawo, Basele iwayini yogonyamelo.18Ke wona umendo wamalungisa unjengokukhanya komso, Okuya kuba mhlophe ngokuba mhlophe, kude kube semini enkulu.19Indlela yabangendawo injengesithokothoko; Abayazi into abakhubeka kuyo.20Nyana wam, wabazele indlebe amazwi am; Intetho yam yithobele indlebe yakho.21Mayingemki emehlweni akho; Yigcine entliziyweni yakho ngaphakathi.22Kuba ibubomi kwabayifumanayo, Nempiliso enyameni yabo yonke.23Nazintweni zonke zigcinwayo, londoloza intliziyo yakho; Kuba aphuma kuyo amathende obomi.24Kususe kuwe ukujibiliza komlomo, Nokuthi gu bucala komlomo kudedise kuwe.25Amehlo akho makakhangele athi gca, Neenkophe zakho zithi nzo kokuphambi kwakho.26Lungelelanisa umkhondo wonyawo lwakho, Zonke iindlela zakho zizimaseke.27Musa ukuthi gu bucala ngasekunene nangasekhohlo; Susa unyawo lwakho entweni embi.