Xhosa

Proverbs

6

1Nyana wam, ukuba uthe wammela ummelwane wakho, Wabambana nomnye ngesandla:2Urhintyelwe ngentetho yomlomo wakho, Uthiwe hlasi ngentetho yomlomo wakho.3Yenza le nto ngoku, nyana wam, uzihlangule; Kuba uzifake esandleni sommelwane wakho; Yiya, ziwise phantsi, umzame ummelwane wakho.4Musa ukuwanika ubuthongo amehlo akho, Ungaziniki kozela iinkophe zakho;5Zihlangule esandleni njengebhadi, Njengentaka esandleni somthiyeli.6Yiya embovaneni, vilandini; Khangela iindlela zayo, ulumke:7Yona ithi, ingenamphathi, Namongameli, namlawuli,8Isuke isilungise isonka sayo ehlotyeni, Ikubuthe ukudla kwayo ngexa lokuvuna.9Kunini na ulele, vilandini? Uya kuvuka nini na ebuthongweni bakho?10Xa uthe, Intwana yobuthongo, intwana yokozela, Intwana yokukhwabusha izandla ukuba ndilale:11Boza ubuhlwempu bakho njengomhambi, Nokuswela kwakho njengendoda enengweletshetshe.12Ngumntu olitshijolo, ngumntu okhohlakeleyo, Lowo uhamba ngokujibiliza komlomo wakhe;13Utyanda ngoshiyi, uqhubukusha ngeenyawo, Walatha ngophakathi wakhe.14Yimpenduka entliziyweni yakhe, uyila ububi ixesha lonke, Ungenisa ingxabano.15Ngenxa yoko kuya kufika ngesiquphe ukusindeka kwakhe; Uya kwaphuka ngephanyazo, angabi nakunyangwa.16Izinto ezintandathu uzithiyile uYehova, Ezisixhenxe zingamasikizi emphefumlweni wakhe:17Ngamehlo aqwayingayo; lulwimi oluxokayo; Zizandla eziphalaza igazi elimsulwa;18Yintliziyo eyila iingcinga zobutshinga; Ziinyawo ezikhawulezayo ukugidimela ebubini;19Lingqina elixokayo, elifutha amanga; Nongenisa ingxabano phakathi kwabangabazalwana.20Nyana wam, bamba umthetho kayihlo, Ungasilahli isiyalo sikanyoko.21Sibophe entliziyweni yakho okukanye, Usinxibe emqaleni wakho.22Ekuhambeni kwakho sokukhapha; Ekulaleni kwakho sokugcina; Ekuvukeni kwakho soncokola nawe.23Ngokuba usisibane umthetho, silukhanyiso isiyalo; Zinyindlela yobomi izohlwayo eziqeqeshayo;24Ukuba ugcinwe kumfazi onobubi, Ekugudeni kolwimi lowolunye uhlanga.25Musa ukubukhanuka ubunzwakazi bakhe ngentliziyo yakho, Angakubambisi ngeenkophe zakhe;26Kuba ngenxa yehenyukazi umntu uda adle kuphela intendana yesonka; Umkamntu uzingela umphefumlo onqabileyo.27Umntu unokuwuthabatha na umlilo ase esifubeni sakhe, Zingatshi na iingubo zakhe?28Unokuhamba na umntu phezu kwamalahle avuthayo, Zingatyabuki na iinyawo zakhe?29Unjalo ongena emfazini wommelwane wakhe; Akukho namnye umchukumisayo, oya kuba msulwa.30Alidelwa isela, xa lithe labela Ukwanelisa umphefumlo walo, xa lithe lalamba;31Lifunyenwe, lihlawula kasixhenxe, Lirhola bonke ubuncwane bendlu yalo.32Okrexeza umfazi ke uswele intliziyo; Owenza loo nto ngumonakalisi womphefumlo wakhe.33Ufumanana nobetho nocukucezo, Ungcikivo lwakhe alucimi.34Kuba ikhwele libubushushu bendoda, Ayiyi kuyeka ngemini yempindezelo.35Ayiyi kulubeka ucamagusho, nokuba luluphi na; Ayiyi kuvuma, naxa uthe wayicenga ngeento ezininzi.