1Mbonge uYehova, mphefumlo wam. Yehova, Thixo wam, umkhulu kakhulu; Wambethe indili nobungangamela.2Ulothi wambu ukukhanya njengengubo. Ulolaneka izulu njengelengalenga lentente;3Ulohlanganisa emanzini imiqadi yamagumbi akhe aphezulu; Ulowenza amafu inqwelo yakhe, Ulohamba ngamaphiko omoya;4Ulowenza izithunywa zakhe imimoya, Abalungiseleli bakhe umlilo olenyayo.5Waliseka ihlabathi phezu kwemimiso yalo, Ukuba lingashukunyiswa naphakade kanaphakade.6Waligubungela ngamanzi anzongonzongo njengesambatho, Ema amanzi phezu kweentaba.7Ekukhalimeni kwakho asaba, Ezwini lendudumo yakho abaleka buphuthuphuthu;8Kwenyuka iintaba, kwehla izihlambo, Aya kuloo ndawo ubuwasekele yona.9Wamisa umda ukuba angegqithi, Angabuye awugubungele umhlaba.10Ulothuma imithombo iye ezihlanjeni; Ihamba phakathi kweentaba;11Iseza zonke iinyamakazi zasendle; Amaesile asendle aqabula inxano lawo.12Kuhlala phezu kwayo iintaka zezulu, Zitsholoza phakathi kwamasebe;13Uloseza iintaba kumagumbi akhe aphezulu; Uyahlutha umhlaba ziziqhamo zezenzo zakho.14Ulontshulisela iinkomo utyani, Nomfuno wokunceda umntu; Ukuze kuphume isonka emhlabeni.15Iwayini iyivuyise intliziyo yomntu; Bukhazimle ubuso ngeoli, Isonka siyixhase intliziyo yomntu.16Iyahlutha imithi kaYehova, Imisedare yaseLebhanon awayityalayo,17Apho zakhela khona iintaka; Ingwamza, isemisipresini indlu yayo.18Iintaba zona ezo ziphakamileyo zezamagogo, Amawa azimela iimbila.19Inyanga wayenzela amaxesha ayo, Ilanga liyakwazi ukutshona kwalo.20Wenza ubumnyama wena, kube sebusuku, Ashukume ngabo onke amarhamncwa ehlathi.21Iingonyama ezintsha zigqumela ukuqwenga, Zifuna ukudla kwazo kuThixo.22Lakuthi chapha ilanga, ziyahlanganisana, Zibuthume ezikhundleni zazo.23Uyaphuma umntu aye emsebenzini wakhe Nasenkonzweni yakhe, ahlwise.24Hayi, ukuba zininzi izenzo zakho, Yehova! Zonke ziphela uzenze ngobululumko; Uzele umhlaba zizidalwa zakho.25Nalo ulwandle lulukhulu, lubanzi ngeenxa zombini; Kulapho kuzinambuzane zingenakubalwa, Ezincinane kwanezikhulu izinto eziphilileyo.26Kulapho kuhamba iinqanawa; Nango umnenga owawubumbela ukudlala kulo.27Zonke ezo nto ziphela zikhangele kuwe, Ukuba uzinike ukudla kwazo ngexesha elililo.28Uyazinika, ziyachola; Uyasivula isandla sakho, ziyahlutha kokulungileyo.29Uyabusithelisa ubuso bakho, ziyakhwankqiswa; Uyawuhlanganisa umoya wazo, ziphume umphefumlo, Zibuyele eluthulini lwazo.30Uthuma umoya wakho, ziyadalwa, Ubuhlaziye ubuso bomhlaba.31Ubuqaqawuli bukaYehova mabube ngunaphakade; UYehova makavuye ngezenzo zakhe;32Ulobheka emhlabeni, uzamazame; Uchukumisa iintaba, ziqhume.33Ndiya kuvuma kuYehova lo gama ndidla ubomi, Ndiya kumbethela uhadi uThixo wam ekubeni ndingokhoyo.34Makube nencasa kuye ukucamngca kwam; Mna ndiya kuvuya ngoYehova.35Mabagqitywe ehlabathini aboni, Bangabi sabakho abangendawo. Mbonge uYehova, mphefumlo wam, Haleluya!