1Hayi, uyolo lwabandlela igqibeleleyo, Bona bahambayo ngomyalelo kaYehova!2Hayi, uyolo lwababambe izingqiniso zakhe, Abamquqelayo ngentliziyo epheleleyo!3Abasebenzi nokusebenza bugqwetha, Bayahamba ngeendlela zakhe.4Uzimisile iziyalezo zakho, Ukuba zigcinwe kunene.5Azaba iindlela zam bezibhekiselwe Ukugcina imimiselo yakho!6Bendingayi kudana ke Ekubhekeni kwam kwimithetho yakho yonke.7Ndiya kubulela kuwe ngentliziyo ethe tye, Ekuzifundeni kwam izigwebo zobulungisa bakho.8Ndiya kuyigcina imimiselo yakho, Musa ukundishiya kuphele.9Umfana uya kuwuqaqambisa ngantoni na umendo wakhe? Ngokuzigcina ngokwelizwi lakho.10Ndiya kuquqela kuwe ngentliziyo yam yonke; Musa ukundilahlekanisa nemithetho yakho.11Ndiyibeke intetho yakho entliziyweni yam, Ukuze ndingoni kuwe.12Ungowokubongwa, Yehova; Ndifundise imimiselo yakho.13Ndiyawabalisa ngemilebe yomlomo wam Onke amasiko omlomo wakho.14Ndinemihlali endleleni yezingqiniso zakho, Ngathi kusebuncwaneni bonke.15Ndiya kucamngca ngeziyalezo zakho, Ndibheke kumendo wakho.16Ndiyaziyolisa ngemimiselo yakho; Andiyi kulilibala ilizwi lakho.17Mphathe kakuhle umkhonzi wakho, ndidle ubomi, Ndigcine ilizwi lakho.18Vula amehlo am, ukuba ndiyibone Imisebenzi ebalulekileyo yasemyalelweni wakho.19Ndingumphambukeli ehlabathini, Musa ukuyisithelisa kum imithetho yakho.20Umphefumlo wam ucumkile ngokulangazelela Amasiko akho ngamaxesha onke.21Ubakhalimele abakhukhumali, Abaqalekiswa abo, balahlekeneyo nemithetho yakho.22Shenxisa imke kum ingcikivo nendelo, Ngokuba ndizibambile izingqiniso zakho.23Nangona abathetheli behlala bathethe ngam, Umkhonzi wakho yena ucamngca ngemimiselo yakho.24Izingqiniso zakho ziziyoliso zam noko, Zingamaphakathi am.25Umphefumlo wam unamathele eluthulini: Ndiphilise ngokwelizwi lakho.26Ndizicacisile iindlela zam, wandiphendula; Ndifundise imimisela yakho.27Ndiqondise iindlela zeziyalezo zakho, Ndicamngce ngemisebenzi yakho ebalulekileyo.28Umphefumlo wam uvuza iinyembezi sisingqala, Ndimise ngokwelizwi lakho.29Indlela yobuxoki yisuse kum; Ndibabale umyalelo wakho.30Ndiyinyule indlela yokuthembeka; Amasiko akho ndijolise kuwo.31Ndinamathele ezingqinisweni zakho; Musa ukundidanisa, Yehova.32Ndigidima ngendlela yemithetho yakho, Ngokuba uyenze banzi intliziyo yam.33Ndiyalele, Yehova, indlela yemimiselo yakho, Ndiyibambe kuphele.34Ndiqondise, ndibambe umyalelo wakho, Ndiwugcine ngentliziyo yonke.35Ndinyathelise endleleni yemithetho yakho, Ngokuba ndiyithandile.36Intliziyo yam yithobele ezingqinisweni zakho, Ungayithobeli ekubaweni.37Dlulisa amehlo am angakhangeli inkohlakalo, Ndiphilise ngeendlela zakho.38Zalisa kumkhonzi wakho intetho yakho, Eyokuba bakoyike.39Yidlulise ingcikivo yam endinxunguphala yiyo, Ngokuba amasiko akho alungile.40Nanku ndilangazelela iziyalezo zakho, Ndiphilise ngobulungisa bakho.41Mazize kum iinceba zakho, Yehova, Nosindiso lwakho ngokwentetho yakho;42Ndimphendule ngelizwi ondingcikivayo, Ngokuba ndikholose ngelizwi lakho.43Musa ukuda ulihluthe emlonyeni wam ilizwi lenyaniso, Ngokuba ndilindele izigwebo zakho;44Ndowugcina umyalelo wakho ngamaxesha onke, Ngonaphakade kanaphakade;45Ndihamba-hambe endaweni ebanzi, Ngokuba ndifuna iziyalezo zakho.46Ndothetha ngezingqiniso zakho phambi kokumkani, Ndingabi nakudana.47Ndoziyolisa ngemithetho yakho Endiyithandayo;48Ndiziphakamise izandla zam emithethweni yakho endiyithandayo, Ndicamngce ngemimiselo yakho.49Khumbula ilizwi lakho kumkhonzi wakho, Ngenxa enokuba undithembise lona.50Yiyo le intuthuzelo yam ekucinezelekeni kwam, Yokuba intetho yakho indiphilisile.51Abakhukhumali bada bandigxeka kakhulu; Kanti andithi gu bucala emyalelweni wakho.52Ndawakhumbula amasiko akho kususela kwanaphakade, Yehova, Ndathuthuzeleka.53Ndingenwe ngumsindo oshushu, Ndisenziwa ngabangendawo abalahla umyalelo wakho.54Iziingoma kum imimiselo yakho, Endlwini yokuphambukela kwam.55Ndilikhumbule ebusuku igama lakho, Yehova, Ndawugcina umyalelo wakho.56Ndinikwe oku, Ukuba ndibambe iziyalezo zakho.57Isabelo sam, Yehova, ndithi, Sesokuba ndigcine amazwi akho.58Ndiya kubongoza ngentliziyo yonke, Ndibabale ngokwentetho yakho.59Ndazicingela iindlela zam, Ndazibuyisela iinyawo zam ezingqinisweni zakho.60Ndikhawulezile andazila-zila Ukugcina imithetho yakho.61Izintya zabangendawo zindithandele, Andiwulibele umyalelo wakhe noko.62Ndivuka phakathi kobusuku, ndibulele kuwe, Ngenxa yezigwebo zobulungisa bakho.63Ndilidlelane labo bonke abakoyikayo, Nelabazigcinayo iziyalezo zakho.64Inceba yakho, Yehova, izalise ihlabathi; Ndifundise imimiselo yakho.65Umenzele okulungileyo umkhonzi wakho, Yehova, ngokwelizwi lakho.66Ndifundise, ndibe nemvo nokwazi okulungileyo, Ngokuba ndikholwa yimithetho yakho.67Ndingekacinezelwa, ndaye ndilahleka; Kungoku ndiyigcinile intetho yakho.68Ulungile wena, ulungisa; Ndifundise imimiselo yakho.69Abakhukhumali bathungele ubuxoki ngam; Mna ndizibamba ngentliziyo yonke iziyalezo zakho.70Ithe fithi kukutyeba intliziyo yabo; Ke mna ndiziyolisa ngomyalelo wakho.71Kundilungele okokuba ndacinezelwayo, Ukuze ndiyifunde imimiselo yakho.72Ulungile kum umyalelo womlomo wakho, Ngaphezu kwamawaka egolide nesilivere.73Izandla zakho zindenzile, zandilungisa; Ndiqondise, ndifunde imithetho yakho.74Abakoyikayo bondibona, bavuye, Ngokuba ndilindele elizwini lakho.75Ndiyazi, Yehova, ukuba zinobulungisa izigwebo zakho; Undicinezele, phofu uthembekile.76Ngamana inceba yakho yaba yeyokundithuthuzela, Njengokwentetho yakho kumkhonzi wakho.77Mazize kum iimfesane zakho, ndiphile, Ngokuba umyalelo wakho undiyolisa.78Mabadane abakhukhumali, ngokuba bendigobele phantsi ngobuxoki, Mna ndicamngca ngeziyalezo zakho.79Mabandibuyele abakoyikayo, Nabazaziyo izingqiniso zakho.80Mayigqibelele intliziyo yam emimiselweni yakho, Ukuze ndingadani.81Umphefumlo wam uyaphela kukululangazelela usindiso lwakho, Ndilindele elizwini lakho.82Amehlo am ayaphela kukulangazelela intetho yakho, Ndisithi, Uya kundithuthuzela nini na?83Noko ndithe ndaba njengentsuba emsini; Andiyilibali imimiselo yakho.84Zingaphi na iintsuku zomkhonzi wakho? Uya kuda ubagwebe nini na abandisukelayo?85Abakhukhumali bandimbele izihogo, Abangenamyalelo wakho.86Yonke imithetho yakho ithembekile: Bandisukela ngobuxoki; ndincede.87Baphantse ukundigqibela emhlabeni, Ke mna andizilahli iziyalezo zakho.88Ndiphilise ngokwenceba yakho, Ndizigcine izingqiniso zomlomo wakho.89Lingunaphakade, Yehova, Limi emazulwini ilizwi lakho.90Ukuthembeka kwakho kukwizizukulwana ngezizukulwana; Ulizinzisile ihlabathi, lema.91Ezo zinto zimele izigwebo zakho nanamhla, Ngokuba iinto zonke zingabakhonzi bakho.92Koko umyalelo wakho wandiyolisayo, Ndinge ndaphelayo ekucinezelekeni kwam.93Andiyi kuzilibala naphakade iziyalezo zakho, Ngokuba undiphilisile ngazo.94Ndingowakho mna, ndisindise, Kuba ndicamanga ngeziyalezo zakho.95Abangendawo bandilindile ukuze banditshabalalise; Mna ndigqale izingqiniso zakho.96Yonke inzaliseko ndiyibonile apho iphela khona; Ke wona umthetho wakho ngumphangalala omkhulu.97Hayi, ukuwuthanda kwam umyalelo wakho! Imini le yonke ndiyacamngca ngawo.98Indifundisa ubulumko ngaphezu kweentshaba zam imithetho yakho, Ngokuba yeyam ngonaphakade.99Ndinokuqiqa ngaphezu kwabafundisi bam bonke, Ngokuba ngezingqiniso zakho ndiyacamngca.100Ndinokuqonda ngaphezu kwamadoda amakhulu, Ngokuba ndizibamba iziyalezo zakho.101Ndizinqandile iinyawo zam kwiindlela zonke ezimbi, Ukuze ndiligcine ilizwi lakho.102Andisuki emasikweni akho, Ngokuba undiyalile wena.103Hayi, ukuba mnandi kwentetho yakho ekhuhlangubeni lam! Igqithe nobusi emlonyeni wam.104Ngeziyalezo zakho ndinokuqonda, Ngenxa yoko ndiwuthiyile wonke umendo wobuxoki.105Lisisibane seenyawo zam ilizwi lakho, Likukukhanya emendweni wam.106Ndikufungele, ndikumisile, Ukuzigcina izigwebo zobulungisa bakho.107Ndide ndacinezeleka kakhulu; Yehova, ndiphilise ngokwelizwi lakho.108Ngamana wakholeka kuwe, Yehova, umbingelelo wesisa womlomo wam; Ndifundise amasiko akho.109Umphefumlo wam uhlala usesandleni sam, Ndingawulibali umyalelo wakho.110Abangendawo bandenzele umgibe, Andiphambukanga eziyalezweni zakho.111Ndizidle ilifa izingqiniso zakho ngonaphakade, Ngokuba ziyimihlali yentliziyo yam;112Intliziyo yam ndiyithobele ekwenzeni imimiselo yakho Ngonaphakade, kuphele.113Abambaxa ndiyabathiya, Wona umyalelo wakho ndiyawuthanda.114Isithe lam nengweletshetshe yam nguwe, Ndilindele elizwini lakho.115Sukani kum, nina benzi beento ezimbi, Ndibambe imithetho yoThixo wam.116Ndizimase ngokwelizwi lakho, ndiphile, Ungandidanisi ekulindeni kwam.117Ndixhase ndisinde, Ndihlale ndibheke emimiselweni yakho.118Ubacukucezile bonke abalahlekana nemimiselo yakho, Ngokuba inkohliso yabo ibubuxoki.119Wena ususa bonke abangendawo behlabathi njengentlenga, Ngoko ndiyazithanda izingqiniso zakho.120Inyama yam isuka ihambe kukunkwantyiswa nguwe, Ndizoyike izigwebo zakho.121Ndenza ngesiko nangobulungisa, Ungandinikeli kwabandicudisayo.122Mmele umkhonzi wakho, kulunge; Mabangandicudisi abakhukhumali.123Amehlo am ayaphela kukululangazelela usindiso lwakho, Nentetho yobulungisa bakho.124Umkhonzi wakho menzele ngokwenceba yakho Undifundise imimiselo yakho.125Ndingumkhonzi wakho, ndiqondise, Ndizazi izingqiniso zakho.126Lilixa lokuba uYehova enze, Kuba bawaphule umyalelo wakho.127Ngenxa yoko ndiyithanda imithetho yakho Ngaphezu kwegolide, nakwengcwengiweyo.128Ngenxa yoko ndithi, Zonke iziyalezo zakho zithe tye ngezinto zonke; Wonke umendo wobuxoki ndiwuthiyile.129Ziyimisebenzi ebalulekileyo izingqiniso zakho, Ngenxa yoko uzibambile umphefumlo wam.130Ukutyhila kwamazwi akho kuyakhanyisa, Kuqondisa abazizidenge.131Ndakhamisa umlomo wam, ndakhefuza, Ngokuba ndiyilangazelela imithetho yakho.132Ndibheke, undibabale, Ngokwesiko lakho kubathandi begama lakho.133Qinisa ukunyathela kwam ngentetho yakho, Mabungabi nagunya kum ubutshinga, nabuphi na.134Ndikhulule ekucudiseni komntu, Ndizigcine iziyalezo zakho.135Khanyisa ubuso bakho kumkhonzi wakho, Undifundise imimiselo yakho.136Ahla imijelo yamanzi amehlo am, Ngenxa yokuba bengawugcini umyalelo wakho.137Ulilungisa wena, Yehova, Zithe tye izigwebo zakho.138Uzimisile izingqiniso zakho, zanobulungisa, Zaba nokuthembeka kakhulu.139Ikhwele lam lindibhangisile, Ngokuba abandibandezelayo bewalibele amazwi akho.140Ilizwi lakho linyibilikisiwe njengegolide kunene, Umkhonzi wakho uyalithanda.141Ndimncinane, ndideliwe, Noko andizilibali iziyalezo zakho.142Ubulungisa bakho bubulungisa obungunaphakade, Umyalelo wakho uyinyaniso.143Imbandezelo nengcutheko indifumene, Imithetho yakho iyandiyolisa.144Zinobulungisa ngonaphakade izingqiniso zakho, Ndiqondise, ndiphile.145Ndikhala ngentliziyo yonke, ndiphendule; Yehova, imimiselo yakho ndiya kuyibamba.146Ndikhala kuwe, ndisindise, Ndigcine izingqiniso zakho.147Ndakuphangela ukusa, ndazibika, Ndalindela emazwini akho.148Amehlo am aphengela imilindo yasebusuku, Ukuze ndicamngce ngentetho yakho.149Live ilizwi lam ngokwenceba yakho, Yehova, ndiphilise ngokwamasiko akho.150Bayasondela abaphuthuma amanyala, Banyawuka emyalelweni wakho;151Usondele wena, Yehova, Yonke imithetho yakho iyinyaniso.152Kudala ndisazi ngokwezingqiniso zakho, Ukuba uzisekile ngonaphakade.153Khangela ukucinezeleka kwam, undihlangule, Ngokuba ndingawulibali umyalelo wakho.154Bambana nobambene nam, undikhulule, Ndiphilise ngokwelizwi lakho.155Lunyawukile kwabangendawo usindiso, Ngokuba abayifuni imimiselo yakho.156Iimfesane zakho zininzi, Yehova; Ndiphilise ngokwamasiko akho.157Baninzi abandisukelayo nabandibandezelayo; Andithi gu bucala ezingqinisweni zakho.158Ndababona abatshinizi, ndakruquka, Abo bangayigciniyo intetho yakho.159Bona ukuthanda kwam iziyalezo zakho, Yehova, ndiphilise ngokwenceba yakho.160Isimbuku selizwi lakho siyinyaniso iphela, Zingunaphakade zonke izigwebo zobulungisa bakho.161Abathetheli bandisukela ngelize, Intliziyo yam iyankwantyiswa ngamazwi akho.162Ndinemihlali ngentetho yakho, Njengofumene ixhoba elininzi.163Ndikuthiyile ukuxoka, lisikizi kum; Ndiyawuthanda umyalelo wakho.164Ndikudumisa kasixhenxe ngemini, Ngenxa yezigwebo zobulungisa bakho.165Banoxolo olukhulu abawuthandayo umyalelo wakho; Akukho sikhubekiso kubo.166Ndikhangela usindiso lwakho, Yehova; Ndenza imithetho yakho.167Umphefumlo wam uyazigcina izingqiniso zakho, Ndizithanda kunene.168Ndiyazigcina iziyalezo zakho nezingqiniso zakho, Ngokuba zonke iindlela zam ziphambi kwakho.169Makusondele phambi kwakho ukuhlahlamba kwam; Yehova, ndiqondise ngokwelizwi lakho.170Masifike isikhungo sam phambi kwakho; Ndihlangule ngokwentetho yakho.171Umlomo wam mawumpompoze indumiso, Kuba undifundisile imimiselo yakho.172Ulwimi lwam luya kuyiphendula intetho yakho, Ngokuba yonke imithetho yakho inobulungisa.173Isandla sakho masibe sesokundinceda, Ngokuba ndizinyulele iziyalezo zakho.174Ndilangazelela usindiso lwakho, Yehova; Umyalelo wakho uyandiyolisa.175Mawuphile umphefumlo wam, ukudumise, Andincede amasiko akho.176Ndiya ndimka njengemvu elahlekileyo; mfune umkhonzi wakho, Ngokuba andiyilibali imithetho yakho.