Xhosa

Psalms

133

1Ingoma yezinyuko; kaDavide. Yabonani, ukuba kuhle, ukuba mnandi, Ukuthi abazalwana bahlale bemxhelo mnye!2Kunjengeoli elungileyo entloko, Isihla ezindevini, Ezindevini zika-Aron, Isihla iye emqukumbelweni weengubo zakhe.3Kunjengombethe waseHermon, Ohla phezu kweentaba zaseZiyon; Ngokuba uYehova wayimisela khona apho intsikelelo, Ubomi, kude kuse ephakadeni.