1Kumongameli; ekaDavide. Umhobe. Yehova, undigocagocile, wandazi.2Wena uyakwazi ukuhlala kwam nokusuka kwam; Uyaziqonda izicamango zam nakude.3Ukuhamba kwam nokulala kwam, uyakwela; Uqhelene neendlela zam zonke.4Ngokuba akukho lizwi elulwimini lwam Ongalaziyo ke, Yehova, kanye.5Ngasemva nangaphambili undingqingile, Wasibeka phezu kwam isandla sakho.6Kubalulekile kum oko kwazi, Kuphezulu, kundinqabele.7Ndingahambela phi na ukumka emoyeni wakho? Ndingabalekela phi na ukumka ebusweni bakho?8Ukuba ndithe ndenyuka ndaya emazulwini, ulapho wena; Ukuba ndithe ndazandlalela kwelabafileyo, nanko ukho.9Ukuba ndithe ndaphakamisa amaphiko esifingo, Ndaya ndahlala ekupheleni kolwandle,10Besingandikhaphayo kwanalapho isandla sakho, Sindibambe isandla sakho sokunene.11Ukuba ndithe, Mabundisongele ubumnyama bona bodwa, Nokukhanya kube bubusuku ngeenxa zonke kum:12Kwanobumnyama obo abungebi bubumnyama kuwe; Ubusuku bungaba mhlophe njengemini, Ubumnyama bungaba njengokukhanya13Ngokuba wena wazibumba izintso zam, Wandibiyela esizalweni sikama.14Ndiyabulela kuwe ngenxa enokuba ndenziwe ngokoyikekayo, ngokubalulekileyo; Zibalulekile izenzo zakho, Umphefumlo wam uyazi kakuhle.15Ayengagushekile kuwe amathambo am, Mna ndenzelwayo entsithelweni, Ndalukwa ndayimfakamfele ezinzulwini zomhlaba.16Amehlo akho andibona ndiseyimbumba, Zazibhalwe encwadini yakho iimini zonke ziphela; Ziyiliwe ngenxa engaphambili, Kungekabikho ke nanye kuzo.17Kum ke zinjani na ukunqaba izicamango zakho, Thixo! Asingangani isimbuku sazo!18Zingathi, ndizibalile, zibe ninzi ngaphezu kwentlabathi; Ndakuvuka ndoba ndisenawe.19Ngamana wambulala ongendawo, Thixo! Nina madoda amagazi, sukani kum.20Abo bakukhankanyela amayelenqe, Balibizela inkohlakalo igama lakho abazondi bakho.21Andinakubathiya na abakuthiyayo, Yehova, Ndikruquke ngabasukela phezulu kuwe?22Ndibathiya ngentiyo ephelelisileyo, Kum mna baziintshaba.23Ndigocagoce, Thixo, uyazi intliziyo yam; Ndicikide, uzazi iingcinga-ngcinga zam;24Ubone ukuba kukho ndlela yobubi na kum, Undikhaphele kwindlela engunaphakade.