1Umhobe kaDavide. Yehova, ndiyakunqula, khawuleza uze kum; Libekele indlebe izwi lam ekudandulukeni kwam kuwe.2Umthandazo wam mawuhlale uhleli phambi kwakho usisiqhumiso, Nokuphakamisa kwam izandla kube ngumnikelo wangokuhlwa.3Umlomo wam wumisele umlindi, Yehova; Misa umgcini emnyango womlomo wam.4Intliziyo yam musa ukuyithobela entweni embi, Ukuba isebenze intlondi yokungendawo Namadoda asebenza ubutshinga; Mandingazidli izimnandi zawo.5Malindibethe ilungisa linenceba, lindohlwaye; Ioli enjalo yentloko ayingeyali intloko yam: Ngokuba usekho nomthandazo wam ebubini bawo.6Bakhahlelwa emacaleni engxondorha abagwebi bawo, Beve amazwi am ukuba amnandi.7Njengolimayo enqika umhlaba, Anjalo ukuthi saa amathambo ethu emlonyeni wengcwaba.8Ngokuba akuwe, Yehova, Nkosi yam, amehlo am; Ndizimela ngawe; musa ukuwuphalaza umphefumlo wam.9Ndigcine esangweni lomgibe wabandithiyelayo, Nasezirhintyelweni zabasebenza ubutshinga.10Mabeyele ezintanjeni zabo abangendawo, Ndide ndidlule mna okukanye.