Xhosa

Psalms

56

1Kumongameli; ngeyehobe elithe cwaka phakathi kwabakude. EkaDavide. Eliligugu. Ukubanjwa kwakhe ngamaFilisti eGati. Ndibabale, Thixo, ngokuba abantu bendizonda; Bandixinile, besilwa yonke imini;2Abandilalelayo bandizonda yonke imini, Ngokuba baninzi abalwa nam beziphakamisile.3Mhlana ndinxunguphalayo mna, Ndokholosa ngawe.4Ndiya kulidumisa ngoThixo ilizwi lakhe, Ndikholose ngoThixo, ndingoyiki; Inokundenza ntoni na inyama?5Yonke imini bayawaphambanisa amazwi am; Zingam zonke iingcinga zabo zobubi.6Baqukene, babonisele, Bona bagcine izithende zam, Ngokokuba belinde umphefumlo wam.7Bengamatshinga nje, bosinda na? Zihlise ngomsindo izizwe, Thixo.8Ukuphalaphala kwam ukubhalile wena; Yitha iinyembezi zam entsubeni yakho; Azisencwadini yakho na?9Ziya kubuya umva ke iintshaba zam, mhlana ndibizayo; Ndiyakwazi oku, ukuba uThixo unam.10Ndilidumisa ngoThixo ilizwi, Ndilidumisa ngoYehova ilizwi.11Ndikholose ngoThixo, ndingoyiki; Unokundenza ntoni na umntu?12Ziphezu kwam, Thixo, izibhambathiso zakho; Ndiya kuyizalisa kuwe imibingelelo yombulelo.13Ngokuba uwuhlangule ekufeni umphefumlo wam, Iinyawo zam ekukhubekeni, Ukuba ndihambe phambi koThixo Ekukhanyeni kobomi.