1Kumongameli wokubethelwa izinto ezineentambo: ngelamadoda ilizwi. Umhobe kaDavide. Yehova, musa ukundohlwaya unomsindo, Ungandithethisi unobushushu.2Ndibabale, Yehova, ngokuba ndintshwenyile; Ndiphilise, Yehova, ngokuba ekhwankqisiwe amathambo am.3Umphefumlo wam ukhwankqiswe kakhulu; Ke wena, Yehova, koda kube nini na?4Buya, Yehova, uwuhlangule umphefumlo wam; Ndisindise ngenxa yenceba yakho.5Ngokuba ekufeni akusekho kukukhumbula; Kwelabafileyo ngubani na osenokubulela kuwe?6Ndidiniwe kukugcuma kwam; Ndiludadisa ubusuku bonke ukhuko lwam, Ndiwenza manzi umandlalo wam ngeenyembezi zam.7Lonakele kukukhathazeka iliso lam; Laluphele ngenxa yababandezeli bam bonke.8Sukani kum, nina nonke basebenzi bobutshinga; Ngokuba uYehova ulivile ilizwi lokulila kwam.9Ukuvile uYehova ukutarhuzisa kwam; UYehova umthandazo wam uyawamkela.10Ziya kudana, zikhwankqe kakhulu, zonke iintshaba zam; Ziya kubuyiswa zidanile ngephanyazo.