Xhosa

Psalms

63

1Umhobe kaDavide: oko ebesentlango yakwaYuda. Thixo, unguThixo wam, ndiya kukuquqela kwakusasa, Umphefumlo wam unxanele wena; inyama yam iyakulangazelela Ezweni elingumqwebedu, elibharhileyo, eligenamanzi.2Ndenjenjalo ukukhangela kuwe engcweleni, Ukuba ndibone amandla akho nobuqaqawuli bakho.3Ngokuba inceba yakho ilungile ngaphezu kobomi, Umlomo wam uya kukuncoma.4Ndiya kwenjenjalo ukukubonga lo gama ndihleliyo, Ndiphakamise izandla zam egameni lakho.5Umphefumlo wam uhluthi umongo namanqatha; Ngemilebe yomlomo wam omemelelayo uya kukudumisa umlomo wam,6Ndakukukhumbula emandlalweni wam, Emilindweni yobusuku ndicamanga ngawe.7Ngokuba uluncedo kum, Ndinokumemelela esithunzini samaphiko akho.8Umphefumlo wam uthene mbende nawe; Isandla sakho sokunene sindibambile.9Ke bona bafuna umphefumlo wam ukuze batshabalale, Baya kutshona kwezisezantsi iindawo zehlabathi.10Baphalazelwa emandleni ekrele; Baba sisabelo seempungutye.11Ke yena ukumkani uya kuvuya ngoThixo; Baya kuqhayisa abo bonke bafunga yena; Ngokuba uya kuvingcwa umlomo wabathetha ubuxoki.