Xhosa

Psalms

65

1Kumongameli. Umhobe kaDavide. Ingoma. Ukuthozama kuyindumiso kuwe, Thixo, eZiyon; Sizaliswa kuwe isibhambathiso.2Wena mphulaphuli wemithandazo, Iza kuwe inyama yonke.3Zindoyisile nje iindawo zobugwenxa, Ukreqo lwethu uyaluxolela wena ngocamagushelo.4Hayi, uyolo lomnyulayo, umsondeze Ukuba ahlale ezintendelezweni zakho! Siya kuzihluthisa ngokulunga kwendlu yakho, Kwetempile yakho engcwele.5Usiphendula ngezenzo ezoyikekayo zobulungisa, Thixo osisindisayo; Nkoloseko yeziphelo zonke zehlabathi, neyolwandle olukude;6Ulozinzisa iintaba ngamandla akhe, Ebhinqe ubugorha;7Ulodambisa ukugquma kweelwandle, ukugquma kwamaza azo, Nokuxokozela kwezizwe.8Bayayoyika imiqondiso yakho abemi beziphelo zehlabathi. Umemelelisa ukuvela kokusa nokuhlwa.9Uwuvelele umhlaba, wawunyela, Wawutyebisa kakhulu. Umjelo kaThixo uzele ngamanzi: Walungisa ingqolowa yabo, ngokuba uwenjenje ukuwulungisa.10Useza ihluthe imisele yawo; Unyakamisa imiqela yawo. Uthambisa ngeziphango; Usikelela izilimo zawo.11Uwuthwesile umnyaka wokulunga kwakho, Imikhondo yakho itsitsa ukutyeba.12Ayatsitsa amakriwa entlango, Iinduli zizibhinqise umgcobo.13Amadlelo anxibe imihlambi yeenkomo; Iintili zambethe ingqolowa. Yonke into iyaduma, yonke into iyavuma.