1Umhobe ka-Asafu. Ulungile kwaphela uThixo kuSirayeli, Kwabantliziyo zinyulu.2Ke mna, beziphantse ukumka iinyawo zam; Gcwizi ukutyibilika ukunyathela kwam;3Ngokuba bendibamonela abaqhayisayo, Ndakukubona ukuphumelela kwabangendawo.4Ngokuba abanazintlungu ekufeni kwabo; Baphilile, batyebile umzimba wabo;5Ebubini babantu abakho bona; Abakhathazwa njengabanye abantu.6Ngako oko intamo yabo inxitywe ikratshi; Ukugonyamela kubathe wambu ngokwengubo.7Amehlo abo avelile kukutyeba; Amabhongo eentliziyo zabo aphumela phandle.8Bahlalela ngentlamba, bathetha ngokubandezela, benobubi; Bathetha iindumbisa zamazwi.9Bawubeka ezulwini umlomo wabo, Ulwimi lwabo luhamba emhlabeni wonke.10Ngako oko abantu babo babuyela apha; Bafinca amanzi amaninzi.11Bathi, Unokuthini na ukwazi uThixo? Kukho ukwazi na kOsenyangweni?12Yabona abangendawo abaya Banokuchulumacha ngonaphakade, bandile ngokutyeba.13Sifumane sayiqaqambisa intliziyo yethu kanti, Sazihlamba izandla zethu ngokuba msulwa;14Ndakhathazeka imini yonke, Ukohlwaywa kwethu kwaba kokwemiso yonke.15Ukuba bendithe, Ndiya kwenjenjalo ukuthetha, Yabona, ngendinginizile kwisizukulwana soonyana bakho.16Ndathi ke ndakucinga ukuba ndikwazi oko, Kwayinkohla emehlweni am;17Ndada ndaya kungena ezingcweleni zikaThixo, Ndakugqala ke ukuphela kwabo.18Inene, ubamise ezindaweni ezibuthelezi, Wabawisa baba yintshabalala.19Hayi, ukuphanziswa kwabo ngephanyazo; Baphelile, bagqityiwe kukukhwankqa.20Njengephupha ekuqabukeni komntu, Ekuvukeni kwakho, Nkosi, wowudela umfanekiso wabo.21Ukuba ndithe ndabindeka intliziyo, Ndahlabeka ezintsweni,22Ndoba ke ndisisityhakala, ndingenakwazi; Ndoba ke ndisisilo kuwe.23Mna ke ndihlala ndinawe; Undibambile ngesandla sam sokunene;24Uya kundikhapha ngecebo lakho. Undithabathe emveni koku, ndibe nozuko.25Ndinabani na emazulwini? Ukuba wena ungowam, andilinanze nganto ihlabathi.26Ingaphela inyama yam nentliziyo yam: Iliwa lentliziyo yam, nesabelo sam, nguThixo ngonaphakade.27Ngokuba, yabona, abanyawukileyo kuwe baya kudaka; Uyababhangisa bonke abahenyuzayo, bemke kuwe.28Mna ke, ukusondela kuThixo kulungile kum, Ndiyenza ihlathi lam iNkosi uYehova, Ukuze ndiyibalise yonke imisebenzi yakhe.