Xhosa

Psalms

78

1Eyokuqiqa ka-Asafu. Wubekeleni indlebe umyalelo wam, bantu bakowethu, Wathobeleni indlebe amazwi omlomo wam.2Ndiya kuwuvula umlomo wam ngomzekeliso; Ndiya kumpompozisa iintsonkotha zamandulo;3Esakuvayo sakwazi, Abasibaliselayo oobawo.4Asiyi kukugusha koonyana babo; Sobalisela isizukulwana esizayo iindumiso zikaYehova, Namandla akhe, nemisebenzi yakhe ebalulekileyo awayenzayo.5Wamisa isingqiniso kwaYakobi, Wabeka umyalelo kwaSirayeli, Awawumisela oobawo, Ukuba bawazise oonyana babo;6Ukuze siwazi isizukulwana esizayo, oonyana abaza kuzalwa, Basuke babalisele ababo oonyana;7Bayame ngoThixo, Bangazilibali izenzo ezincamisayo zikaThixo, Bayilondoloze imithetho yakhe:8Bangabi njengooyise, Isizukulwana esiyinjubaqa, esineenkani, Isizukulwana esingayilungisanga intliziyo yaso, Esimoya unganyanisanga kuThixo.9Oonyana bakaEfrayim, bexhobile, beziintoli ezinezaphetha, Bajika ngemini yemfazwe.10Abawugcinanga umnqophiso kaThixo, Abavumanga ukuhamba ngomyalelo wakhe;11Bazilibala izenzo zakhe ezincamisayo, Nezibalulekileyo zakhe awababonisayo.12Phambi kooyise wenza ngokubalulekileyo Ezweni lamaYiputa, emhlabeni waseTsohan.13Waludabula ulwandle, wabaweza, Wawamisa amanzi njengemfumba.14Wabakhapha ngelifu emini, Ngokukhanya komlilo ubusuku bonke,15Walicanda iliwa entlango, Wabaseza amanzi anzongonzongo kakhulu;16Wavelisa imiqukuqela yamanzi engxondorheni, Wahlisa amanzi njengemilambo.17Baqokela noko ukona kuye, Nokumphikisa Osenyangweni emqwebedwini.18Bamlinga uThixo ngentliziyo yabo, Ngokuwubizela umphefumlo wabo ukudla.19Bathetha ngoThixo, bathi, Unako na uThixo ukulungisa isithebe entlango?20Yabona, walibetha iliwa, abaleka amanzi, Yakhukula nemilanjana; Woba nako na nokubanika ukutya, Nokubalungiselela inyama abantu bakhe?21Weva ke uThixo, waphuphuma umsindo wakhe, Watsha umlilo kwaYakobi, Kwenyuka kwaya umsindo kwaSirayeli;22Ngokuba bengakholwanga kuThixo, Bengakholosanga ngosindiso lwakhe.23Waziwisela ke umthetho iingqimba zamafu ngaphezulu, Wazivula iingcango zezulu;24Wabanisela ngemana ukuze badle, Wabanika ingqolowa yasezulwini.25Umntu wadla isonka sOnamandla; Wabathumela umphako bada badikwa.26Wandulula umoya wasempumalanga ezulwini, Wawuqhuba ngamandla akhe umoya wasezantsi;27Wabanisela inyama njengothuli, Neentaka ezinamaphiko njengentlabathi yolwandle;28Yawa phakathi kweminquba yabo, Ngeenxa zonke emakhayeni abo.29Badla, bahlutha kakhulu, Wabazisela ke inkanuko yabo.30Bengekashenxi enkanukweni yabo, Kusekho ukudla kwabo emlonyeni wabo:31Kwenyuka umsindo kaThixo waya kubo, Wabulala phakathi kwabatyebileyo babo, Wawawisa amadodana akwaSirayeli.32Kuyo yonke loo nto bahambisa ngokona, Abakholwa yimisebenzi yakhe ebalulekileyo.33Wayiphelisa ke imihla yabo njengomphunga, Neminyaka yabo ngokukhwankqisa.34Xa wathi wababulala, bamquqela; Babuya bamquqela uThixo ngenyameko,35Bakhumbula ukuba uThixo uliliwa labo, UThixo Osenyangweni ungumkhululi wabo.36Ke bamthomalalisa ngomlomo wabo, Bamxokisa ngolwimi lwabo;37Intliziyo yabo ayaqina kuye, Abanyaniseka emnqophisweni wakhe.38Ke yena unemfesane, Uxolela ubugwenxa ngocamagushelo, akonakalisi; Wawubuyisa futhi umsindo wakhe, Akabuxhoxha bonke ubushushu bakhe.39Wakhumbula ukuba bayinyama, Bangumoya omkayo, ongabuyiyo.40Kukangaphi bemphikisa entlango, Bemenza buhlungu enkangala!41Babuya bamlinga uThixo, Bamenzakalisa oyiNgcwele wakwaSirayeli.42Abasikhumbula isandla sakhe, Imini awabakhulula ngayo embandezelweni;43Awamisa ngayo imiqondiso yakhe eYiputa, Nezimanga zakhe emhlabeni waseTsohan.44Wayiguqula imijelo yabo, yaba ligazi, Ababa nakuyisela imiqukuqela yabo yamanzi.45Wathumela kubo iingcongconi, zabadla; Namasele, abatshabalalisa.46Izilimo zabo wazinika iinkumbi ezinqunquthayo, Ukuxelenga kwabo wakunika iinkumbi ezandayo.47Wawubulala ngesichotho umdiliya wabo, Nemithombe yabo ngomkhenkce.48Wayinikela kwisichotho imfuyo yabo, Nemihlambi yabo ngemibane.49Wathumela kubo ukuvutha komsindo wakhe, Ukuphuphuma kwawo, nokubhavuma, nembandezelo, Ibutho lezithunywa zobubi.50Wawulungelelanisela umendo umsindo wakhe, Akawunqanda ekufeni umphefumlo wabo, Wabunikela ubomi babo kwindyikitya yokufa.51Wababulala bonke abamazibulo eYiputa, Iintlahlela zamandla obudoda ezintenteni zakwaHam.52Abantu bakhe wabafudusa njengezimvu, Wabaqhuba njengomhlambi entlango;53Wabakhapha bekholosile, bengankwantyi; Ke zona iintshaba zabo lwazigubungela ulwandle54Wabazisa emdeni wakhe ongcwele, Kule ntaba sayizuzayo isandla sakhe sokunene.55Wagxotha iintlanga ebusweni babo, Wazenzela amaqashiso zalilifa elicandiweyo; Izizwe zakwaSirayeli wazihlalisa ezintenteni zazo.56Kodwa bamlinga, bamphikisa uThixo Osenyangweni, Abazigcina izingqiniso zakhe,57Babuya unuva, banginiza njengooyise. Bajika njengesaphetha esikhohlisayo.58Bamqumbisa ngeziganga zabo, Bamkhweletisa ngemifanekiso yabo eqingqiweyo.59Weva uThixo, waphuphuma umsindo, Wawacekisa kakhulu amaSirayeli;60Wawulahla umnquba waseShilo, Intente abeyimise esintwini;61Wawanikela ekuthinjweni amandla akhe, Isihombo sakhe esandleni sombandezeli.62Wabanikela abantu bakhe kwikrele, Umsindo wakhe waphuphumela ilifa lakhe.63Amadodana abo adliwa ngumlilo, Iintombi zabo azagcotyelwa.64Ababingeleli babo bawa likrele, Abahlolokazi babo abalila.65Yaza yavuka njengobelele iNkosi, Njengegorha elimemeleliswa yiwayini.66Yababetha ngasemva ababandezeli bayo, Yabenza ingcikivo engunaphakade.67Yayicekisa intente yakwaYosefu, Ayasinyula isizwe sakwaEfrayim.68Yanyula isizwe sakwaYuda, Intaba yaseZiyon eyayithandayo.69Yayakha njengokuphakama kwezulu ingcwele yakhe, Njengomhlaba lo awusekileyo ngonaphakade.70Yanyula uDavide umkhonzi wayo, Yamthabatha ezibayeni zezimvu;71Yamthabatha elandela izimvu ezanyisayo, Yamzisa ukuba aluse kwaYakobi abantu bayo, KwaSirayeli ilifa layo.72Wabalusa ke ngengqibelelo yentliziyo yakhe, Wabakhapha ngokwazi kwezandla zakhe.