1Umthandazo kaDavide. Thoba indlebe yakho, Yehova, ndiphendule, Ngokuba ndilusizana, ndilihlwempu.2Wugcine umphefumlo wam, ngokuba ndingowenceba; Msindise, wena Thixo wam, umkhonzi wakho, Lo ukholose ngawe.3Ndibabale, Nkosi yam, Ngokuba ndidanduluka kuwe yonke imini.4Wuvuyise umphefumlo womkhonzi wakho, Ngokuba umphefumlo wam ndiwuphakamisela kuwe, Nkosi yam;5Ngokuba ulungile wena, Nkosi yam, uxolela; Umkhulu ngenceba kubo bonke abakunqulayo.6Wubekele indlebe umthandazo wam, Yehova, Ulibazele indlebe izwi lokutarhuzisa kwam.7Ngemini yokubandezelwa kwam ndinqula wena, Ngokuba uya kundiphendula.8Akukho unjengawe, Nkosi yam, phakathi koothixo; Akukho zenzo zinjengezakho.9Zonke iintlanga owazenzayo ziya kuza ziqubude phambi kwakho, Nkosi yam, Zizukise igama lakho.10Ngokuba umkhulu, wenza imisebenzi ebalulekileyo, UnguThixo wena wedwa.11Ndiyalele, Yehova, indlela yakho, Ndihambe ngenyaniso yakho; Yibandakanye intliziyo yam ukuba ndiloyike igama lakho.12Ndiya kubulela kuwe, Nkosi yam, Thixo wam, ngentliziyo yonke, Ndilizukise igama lakho ngonaphakade:13Ngokuba inceba yakho ibe inkulu kum; Wawuhlangula umphefumlo wam kwelingaphantsi labafileyo.14Thixo, abakhukhumali basukele phezulu kum; Ibandla labanobungqwangangqwili lifuna umphefumlo wam; Abakumisi wena phambi kwabo.15Ke wena, Nkosi yam, unguThixo onemfesane, onobabalo, Ozeka kade umsindo, omkhulu ngenceba nenyaniso.16Ndibheke, undibabale; Mphe amandla akho umkhonzi wakho, Umsindise unyana womkhonzazana wakho.17Ndenzele umqondiso wokulungileyo, Bawubone abandithiyayo, badane, Kuba wena, Yehova, undincedile, wandithuthuzela.