1Umthandazo kaMoses, umfo wakwaThixo. Nkosi yam, ulikhaya wena kuthi, Isizukulwana ngesizukulwana.2Kungekazalwa zintaba, Ungekavelisi mhlaba, nazwe limiweyo, Kususela kwaphakade kude kuse ephakadeni, wena unguThixo.3Umbuyisela umntu eluthulini, Uthi, Buyani, nyana babantu.4Ngokuba iwaka leminyaka emehlweni akho Linjengemini yezolo, xa idluleyo, Linjengomlindo wasebusuku.5Uyabakhukulisa, balale; Ngengomso babuya bahlume njengotyani.6Ngomso butyatyamba, bubuye buhlume; Ngokuhlwa buyasikwa bome.7Ngokuba siyaphela ngumsindo wakho, Sikhwankqiswe bubushushu bakho.8Ububeke ubugwenxa bethu phambi kwakho, Nesibufihlileyo ububeka ekukhanyiseleni kobuso bakho.9Ngokuba yonke imihla yethu isangene ngokuphuphuma komsindo wakho, Siyiphelisile iminyaka yethu njengentsebezo.10Imihla yeminyaka yethu iseminyakeni engamashumi asixhenxe; Ukuba ithe yaba mininzi kakhulu, iba yiminyaka emashumi asibhozo, Libe ke iqhayiya layo likukwaphuka nokungabi nto yanto, Ngokuba ithe phe yakhawuleza, saphaphazela semka.11Ngubani na owaziyo amandla omsindo wakho, Nokuphuphuma kwawo, ngoko ufanele ukoyikwa ngako?12Sazise kanye ukuyibala imihla yethu, Ukuze sizuze intliziyo elumkileyo.13Buya, Yehova, kunini na? Uzohlwaye ngenxa yabakhonzi bakho.14Sihluthise kwakusasa ngenceba yakho, Simemelele, sivuye yonke imihla yethu.15Sivuyise ngangemihla owasicinezela ngayo. Ngangeminyaka esabona ububi ngayo.16Mayibonakale kubakhonzi bakho imisebenzi yakho, Nobungangamela bakho koonyana babo.17Ubumnandi bukaYehova mabube phezu kwethu. Zimasa isenzo sezandla zethu phezu kwethu, Isenzo sezandla zethu usizimase sona.