Xhosa

Psalms

95

1Yizani simemelele kuYehova, Sidume kwiliwa lokusindiswa kwethu.2Masize phambi kobuso bakhe sinombulelo, Masidume kuye ngeengoma.3Ngokuba uThixo omkhulu nguYehova, NguKumkani omkhulu ngaphezu koothixo bonke.4Uzisesandleni sakhe iingontsingontsi zehlabathi, Neencopho zeentaba zezakhe.5Ulolwakhe ulwandle, nguyena walwenzayo; Nomhlaba owomileyo zawubumba izandla zakhe.6Yizani, masiqubude, siguqe, Sithobe phambi koYehova umenzi wethu.7Ngokuba nguThixo wethu yena, Thina ke singabantu bokwaluswa nguye, nezimvu zesandla sakhe. Namhla, ukuba ninokuliva izwi lakhe,8Musani ukuyenza lukhuni intliziyo yenu, njengaseMeribha, Njengemini yaseMasa entlango;9Oko bandilingayo ooyihlo. Bandicikida, bewubona umsebenzi wam.10Iminyaka yaba ngamashumi amane ndikruqukile sesi sizukulwana, Ndathi, Ngabantu abantliziyo zindwendwayo, Abazazi iindlela zam bona;11Endada ndafunga ndinomsindo, ukuthi, Inene, abasayi kungena ekuphumleni kwam.