Xhosa

Psalms

98

1Umhobe. Vumani kuYehova ingoma entsha, Ngokuba wenze imisebenzi ebalulekileyo; Simzuzele uloyiso isandla sakhe sokunene, nengalo yakhe engcwele.2Ulwazisile uYehova usindiso lwakhe, Ubutyhilile emehlweni eentlanga ubulungisa bakhe.3Ukhumbule inceba yakhe nokunyanisa kwakhe kwindlu kaSirayeli; Zilubonile zonke iziphelo zehlabathi usindiso loThixo wethu.4Dumani kuYehova, nonke hlabathi, Gqobhokelani ekumemeleleni, nibethe uhadi.5Mbetheleni uhadi uYehova, Uhadi nelizwi lengoma;6Ngamaxilongo nezwi lesigodlo Dumani phambi koKumkani uYehova.7Malugqume ulwandle nenzaliseko yalo, Elimiweyo nabemi balo.8Imilambo mayibethe izandla, Zimemelele kunye iintaba9Phambi koYehova, ngokuba esiza kugweba ihlabathi. Uya kuligweba elimiweyo ngobulungisa, Izizwe ngokuthe tye.