Xhosa

Romans

3

1Ugqithisele ngantoni na ngoko umYuda kwabanye? Kunceda ntoni na ukwaluka?2Kukhulu, ngeendlela zonke. Kuba ke, ukuqala, baphathiswa izihlabo zikaThixo.3Kuyini na khona, ukuba abathile abakholwanga? Ukungakholwa kwabo kokuphuthisa na ukuthembeka kukaThixo?4Nakanye! UThixo yena makabe nenyaniso, bonke abantu ke babe ngamaxoki; njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Ukuze ube nokugwetyelwa emazwini akho, Weyise ekumangalelweni kwakho.5Ke ukuba ukuswela-kulungisa kwethu kuqondakalisa ubulungisa bukaThixo, sothini na? Uswele ukulungisa na uThixo, lo uhlisa umsindo wakhe? (Ndithetha ngokomntu.)6Nakanye! Oko ubengathini na uThixo ukuligweba ihlabathi?7Ke ukuba inyaniso kaThixo iphuphumele ekuthini azukiswe ngobuxoki bam, ndisagwetywa ngani na mna ngokomoni?8Yini na ukuba singabi sesisithi (ngoko ke sinyeliswayo, ngoko ke abathile bathi, sithi thina), Masenze okubi, ukuze kuvele okulungileyo? abakugwetywa kuyeleleyo.9Kuthiweni na ke? Sinomkhusane na? Hayi, unakanye! Kuba besesiwamisele ityala amaYuda kwanamaGrike, lokuba baphantsi kwesono bonke;10njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Akukho lungisa, hayi, nalinye;11Akukho uqondayo; Akukho umfunisisayo uThixo!12Bonke baphambukile; bephelele, abancedi lutho; Akukho wenza okulungileyo; akukho nokude abe mnye.13Lingcwaba elivulekileyo umqala wabo, Ngeelwimi zabo bamana ukukhohlisa. Ubuhlungu bamaphimpi buphantsi kwemilebe yomlomo wabo.14Abamlomo uzele kukuqalekisa nobukrakra.15Iinyawo zabo zinamendu okuphalaza igazi;16Lityumtyum neentsizi ezindleleni zabo;17Nendlela yoxolo abayazanga.18Akukho koyika Thixo phambi kwamehlo abo.19Siyazi ke ukuba izinto zonke ozithethayo umthetho, uzithetha kwabaphantsi komthetho; ukuze imilomo yonke ivingcwe, nehlabathi lonke libe netyala kuThixo.20Ngokokuba, ngokwasemisebenzini yomthetho, akuyi kugwetyelwa nyama emehlweni akhe; kuba isono saziwe ngokubakho komthetho.21Ngoku ke kubonakaliswe ubulungisa bukaThixo, kungekho mthetho, bungqinelwa nguwo umthetho nabaprofeti;22ubulungisa ke bukaThixo, obungokukholwa kuYesu Kristu, bube bobabo bonke, buphezu kwabo bonke abakholwayo;23kuba akukho kwahluka; kuba bonile bonke, basilelela eluzukweni lukaThixo;24begwetyelwe ngesisa lubabalo lwakhe ngako ukukhululwa ngentlawulelo ekuYesu Kristu;25athe uThixo wammisa, ukuba abe sisicamagushelo ngegazi lakhe, ngako ukukholwa, ukuze bubonakalaliswe ubulungisa bakhe ngenxa yokuyekelelwa kwezono ezibe zenziwe ngenxa engaphambili, ekunyamezeleni kukaThixo;26ukuze bubonakalaliswe ubulungisa bakhe ngeli xesha lakalokunje, ukuze abe lilungisa, kwanomgwebeli walowo waselukholweni lukaYesu.27Luphi na ngoko uqhayiso? Luvalelwe ngaphandle. Ngamthetho mni na? Ngowemisebenzi na? Hayi! Ngomthetho wokholo.28Ngoko ke sigqiba kwelithi, umntu ugwetyelwa ngokholo, kungekho misebenzi yamthetho.29Kanene uThixo ungowamaYuda odwa na? Akanguye na noweentlanga? Ewe, ngoweentlanga nazo;30ekubeni emnye uThixo, oya kugwebela abolwaluko ngokwaselukholweni, nabangengabolwaluko ngalo ukholo.31Umthetho ngoko siyawuphuthisa na ngalo ukholo? Nakanye! Siyawumisa wona umthetho.