1Ke wena, thetha izinto eziyifaneleyo imfundiso ephilileyo;2ukuba amadoda amakhulu abe ziingcathu, andileke, abe nesidima, aphile elukholweni, eluthandweni, elunyamezelweni;3ukuba abafazi abakhulu kwangokunjalo babe nesimilo esibafaneleyo, bangabi ngabatyholi; bangazilahleli kwiwayini eninzi; bafundise okuhle;4ukuze bayale abafazana ukuba babe nesidima, bawathande amadoda abo, babathande abantwana babo,5babe nesidima, babe nyulu, basebenze ezindlwini zabo, babe nokulunga, bawathobele awabo amadoda, ukuze ilizwi likaThixo linganyeliswa.6Kwangokunjalo amadoda amatsha wayale ukuba abe nesidima.7Ezintweni zonke zenze umzekelo wemisebenzi emihle;8emfundisweni ube ngomsulwa, ngondilekileyo, ngolizwi liphilileyo, lingenakugwetywa; ukuze ochasayo abe neentloni, engenanto imbi yakuthetha ngani.9Amakhoboka wathethele ukuba azithobele iinkosi zawo, abe ngakholekileyo kakuhle ezintweni zonke, engaphiki; angashinti;10asuke abonakalalise konke ukuthembeka okulungileyo, ukuze ayivathise imfundiso yoMsindisi wethu uThixo ezintweni zonke.11Kuba lubonakele kubantu bonke ubabalo lukaThixo, lulolusindisayo;12lusiqeqesha ukuze sithi, sikuncama ukungahloneli Thixo nokukhanuka okukokwehlabathi, sihlale ngokunesidima, nangokubulungisa, nangokuhlonela uThixo, kweli phakade langoku;13silinde ithemba elinoyolo, nembonakalo yobuqaqawuli boThixo omkhulu, uMsindisi wethu uYesu Kristu,14owazinikela ngenxa yethu, ukuze asikhulule ngokusihlawulela kuko konke ukuchasa umthetho, azihlambululele abantu abangabakhe, abazondelela imisebenzi emihle.15Ezi zinto zithethe, uvuselele, wohlwaye ngawo wonke ummiselo. Makungabikho namnye ukudelayo.