Xhosa

Zechariah

11

1Vula amasango akho, Lebhanon, uyitshise ngomlilo imisedare yakho.2Bhomboloza, msipres, ngokuba kuwe umsedare, ngenxa yokuba iingangamsha zibhuqiwe. Bhombolozani, mioki yaseBhashan, ngokuba lihlahliwe ihlathi elinwabileyo.3Yivani ukubhomboloza kwabalusi, ngokuba bubhuqiwe ubungangamsha babo! Yivani ukubharhula kweengonyama ezintsha, ngokuba libhuqiwe iqhayiya laseYordan!4Watsho uYehova uThixo wam, ukuthi, Yalusa umhlambi wezixhelwayo;5obathengi bawo bawubulalayo, bathi abanatyala; nabathengisa ngawo bathi, Makabongwe uYehova, ndinobutyebi; nabalusi bawo abawucongi.6Ngokuba andiyi kubuya ndibaconge abemi behlabathi; utsho uYehova. Yabona, abantu ndibanikela, elowo esandleni sommelwane wakhe, nasesandleni sokumkani wakhe, baliqobe ilizwe, ndingabahlanguli esandleni sabo.7Ndawalusa ke umhlambi wezixhelwayo, kunye nezinqinileyo zomhlambi. Ndathabatha iintonga zambini, enye ndathi nguMnandi, enye ndathi nguZintya; ndawalusa ke umhlambi.8Ndabetha bathishwaka abalusi abathathu nganyanga-nye; ndazekaneka ngabo, ndanezothe kubo.9Ndathi, Andiyi kunalusa; efayo mayife; nethi shwaka mayithi shwaka, neziseleyo mazidlane inyama.10Ndathabatha intonga yam, uMnandi, ndayaphula, ukuze ndiwaphule umnqophiso wam endanqophisana ngawo nezizwe zonke.11Waphulwa ke ngaloo mini; zazi ngokunjalo ezinqinileyo zomhlambi, ebe zindiphulaphule, ukuba lilizwi likaYehova eli.12Ndathi kuwo, Ukuba kulungile emehlweni enu, etheni umvuzo wam; ukuba akulungile, yekani. Bandilinganisela ke umvuzo wam, amashumi amathathu esilivere.13Wathi uYehova kum, Yiphose kumbumbi, ixabiso elingengangani, abandimisela lona. Ndawathabatha ke amashumi amathathu esilivere, ndawaphosa kumbumbi endlwini kaYehova.14Ndayaphula intonga yam yesibini, uZintya, ukuze ndibutshitshise ubuzalwana phakathi koYuda noSirayeli.15Wathi uYehova kum, Phinda uthabathe impahla yomalusi osisimathane.16Ngokuba, yabona, ndivelisa umalusi elizweni apha, ongayi kuzivelela eziza kuthi shwaka; akayi kuzifuna ezilusali; akayi kuziphilisa ezaphukileyo; akayi kuzondla ezimiyo; inyama yezityebileyo uya kuyidla, awalimaze amanqina azo.17Yeha, umalusi ongento, owulahlayo umhlambi! Ikrele malibe phezu kwengalo yakhe, neliso lakhe lasekunene! Ingalo yakhe iya koma kanye, neliso lakhe lasekunene licime okukanye.