Xhosa

Zechariah

3

1Wandibonisa uYoshuwa umbingeleli omkhulu, emi phambi kwesithunywa sikaYehova, uSathana emi ngasekunene kwakhe, ukuze amchase.2Wathi uYehova kuSathana, UYehova makakukhalimele, Sathana; akukhalimele uYehova oyinyulileyo iYerusalem; lo akasikhuni esirholwe emlilweni na?3UYoshuwa ke ebambethe iingubo ezingcolileyo; wema ke phambi kwesithunywa.4Saphendula sathetha nabemiyo phambi kwaso, sathi, Zisuseni iingubo ezingcolileyo kuye. Sathi ke kuye, Yabona, ndibususile ubugwenxa bakho kuwe, ndikwambese ngezinqabileyo.5Ndathi ke, Mabambeke unkontsho oluhlambulukileyo entloko. Bambeka ke unkontsho oluhlambulukileyo entlokweni yakhe, bamambesa ngeengubo; saye isithunywa sikaYehova simi.6Isithunywa sikaYehova saqononondisa kuYoshuwa, sathi,7Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Ukuba uthe wahamba ngeendlela zam, ukuba uthe wasigcina isigxina sam, woyilawula wena indlu yam, wozigcina neentendelezo zam, ndikunike ukuhamba phakathi kwaba bemiyo apha.8Khawuphulaphule ke Yoshuwa, mbingeleli mkhulu, wena nabalingane bakho abahlala phambi kwakho; ngokuba ngamadoda asisimanga. Ngokuba, uyabona, ndiya kuzisa umkhonzi wam onguHlumelo.9Ngokuba nalo ilitye endalibeka phambi koYoshuwa; lityeni linye kobakho amehlo asixhenxe; yabona, ndikrola ukrolo lwalo, utsho uYehova wemikhosi, ndisuse ubugwenxa beli lizwe ngamini-nye.10Ngaloo mini, utsho uYehova wemikhosi, niya kubizelana phantsi komdiliya naphantsi komkhiwane.