Xhosa

Zechariah

5

1Ndabuya ndawaphakamisa amehlo am, ndakhangela, nantso incwadi esongwayo, iphaphazela.2Sathi kum, Ubona ntoni na? Ndathi, Ndibona incwadi esongwayo iphaphazela; ubude bayo buziikubhite ezimashumi mabini, nobubanzi bayo buziikubhite ezishumi-nye.3Sathi kum, Eso ke sisishwabulo esiphuma sihambe phezu kwelizwe lonke; ngokuba bonke abebayo baya kutshayelwa apha ngokokwayo; bonke abafungayo baya kutshayelwa ngaphaya ngokokwayo.4Ndisikhuphile, utsho uYehova wemikhosi; siya kungena endlwini yesela, nasendlwini yolifungayo ngobuxoki igama lam, silalise endlwini yakhe, siyigqibe nemithi yayo namatye ayo.5Saphuma isithunywa esibe sithetha nam, sathi kum, Khawuwaphakamise amehlo akho, ukhangele ukuba iyintoni na leyo iphumayo.6Ndathi ke, Yintoni na? Sathi, Yiefa leya iphumayo. Sathi, Yimbonakalo yabo leya ezweni lonke.7Nanko, kuphakama isiciko selothe, kuhleli umfazi phakathi kwe-efa.8Sathi, NguNgendawo lowo; samphosa phakathi kwe-efa, saliphosa ilitye lelothe emlonyeni wayo.9Ndawaphakamisa ke amehlo am, ndakhangela, nanko kuphuma abafazi ababini, umoya usemaphikweni abo; amaphiko abo abenjengamaphiko engwamza, bayithwala iefa phakathi komhlaba nezulu.10Ndathi kwisithunywa esibe sithetha nam, Bayisa phi na iefa abaya?11Sathi kum, Baya kumakhela indlu ezweni leShinare; ithi yakugqitywa, bambeke khona esizeni sakhe.