Xhosa

Deuteronomy

4

1Kaloku ke, Sirayeli, yiphulaphule imimiselo namasiko endinifundisa wona, ukuba niwenze; ukuze niphile, ningene, nilime ilizwe aninikayo uYehova uThixo wooyihlo.2Ize ningongezi ezwini endiniwisela umthetho ngalo, ize ninganciphisi nto kulo, ukuze niyigcine imithetho kaYehova uThixo wenu, endiniwisela yona.3Amehlo enu akubonile oko wakwenzayo uYehova kuBhahali-pehore; ngokuba bonke abo babemlandela uBhahali-pehore, uYehova uThixo wakho ubatshabalalisile phakathi kwakho.4Ke nina nanamathelayo kuYehova uThixo wenu, niphilile nonke namhla.5Yabonani, ndinifundise imimiselo namasiko, njengoko ndawiselwa umthetho nguYehova uThixo wam, ukuze nenze ngokunjalo phakathi kwelizwe eningena kulo, ukuba nilime.6Yigcineni ke niyenze; ngokuba oku bubulumko benu, nengqondo yenu, emehlweni abantu abaya kuyiva yonke le mimiselo; bathi, Olu hlanga lukhulu ngabantu abalumkileyo, abanengqondo bodwa.7Ngokuba luluphi na uhlanga olukhulu, oluthixo usondeleyo kulo, njengoYehova uThixo wethu, ekumbizeni kwethu konke?8Luluphi na uhlanga olukhulu olunemimiselo namasiko anobulungisa, njengalo myalelo wonke ndiwubekayo phambi kwenu namhla?9Kodwa zigcine, uwugcine umphefumlo wakho kunene, hleze uzilibale izinto azibonileyo amehlo akho; hleze zimke entliziyweni yakho yonke imihla yokuphila kwakho. Uze uzazise oonyana bakho, noonyana boonyana bakho;10ngokukodwa umhla owema ngawo phambi koYehova uThixo wakho eHorebhe, akuthi uYehova kum, babizele ndawonye kum abantu, ndibavise amazwi am, ukuze bafunde ukundoyika yonke imihla abaphila ngayo emhlabeni, bafundise noonyana babo.11Nasondela, nema phantsi kwentaba, intaba isitsha ngumlilo wada wesa esazulwini sezulu, ibubumnyama bamafu nesithokothoko.12Wathetha uYehova kuni ephakathi komlilo; nasiva isandisa mazwi, anabona mbonakalo, yaba sisandi sodwa.13Wanixelela umnqophiso wakhe, awaniwisela umthetho ngawo ukuba niwenze, amazwi alishumi; wawabhala emacwecweni amabini amatye.14Wandiwisela umthetho uYehova ngelo xesha, ukuba ndinifundise imimiselo namasiko, ukuba niwenze elizweni eniwelela kulo ukuba nilime.15Zigcineni kunene ngenxa yemiphefumlo yenu, ngokuba anibonanga mbonakalo yanto, mini wathetha uYehova kuni eHorebhe phakathi komlilo;16hleze nizonakalise, nizenzele umfanekiso oqingqiweyo, imbonakalo yento efana nokuba yiyiphi: into emilise okwendoda nokwenkazana,17into emilise okwento yonke ezitho zine esemhlabeni, into emilise okwentaka yonke enamaphiko, ephaphazela esibhakabhakeni,18into emilise okwesinambuzane sonke esisemhlabeni, into emilise okweentlanzi zonke ezisemanzini phantsi komhlaba;19hleze uwaphakamisele ezulwini amehlo akho, ubone ilanga nenyanga neenkwenkwezi, wonke umkhosi wasezulwini, uwexulwe, uzinqule, uzikhonze, ezo uYehova uThixo wakho azabele izizwe zonke phantsi kwezulu lonke.20Ke nina unithabathile uYehova, wanikhupha kwiziko lesinyithi eYiputa, ukuba nibe ngabantu abalilifa kuye, njengoko ninjalo namhla.21Phezu koko uYehova wandifuthela ngenxa yamazwi enu, wafunga ukuba andiyi kuyiwela iYordan, andiyi kungena ezweni elihle akunikayo uYehova uThixo wakho, ukuba libe lilifa;22kuba ndiya kufela kweli lizwe, andiyiweli iYordan. Ke nina niya kuwela, nilime elo lizwe lihle.23Zigcineni, hleze niwulibale umnqophiso kaYehova uThixo wenu, awawenzayo nani, nizenzele umfanekiso oqingqiweyo, imbonakalo yezinto zonke awakuwisela umthetho ngazo uYehova uThixo wakho.24Ngokuba uYehova uThixo wakho ungumlilo odlayo, unguThixo onekhwele.25Xa uthe wazala abantwana nabantwana babantwana, kwada kwaba kudala nihleli kwelo zwe, nazonakalisa, nenza umfanekiso oqingqiweyo, imbonakalo yento nokuba yiyiphi, nenza okubi emehlweni kaYehova uThixo wenu, namqumbisa:26ndingqinisisa amazulu nehlabathi namhla ngani, ukuba nodaka mpela kamsinya, ningabikho kwelo zwe, niwela iYordan nisiya kulo ukuba nilime; anisayi kuyolula imihla yenu kulo, notshabalala kube kanye.27Woniphangalalisa uYehova phakathi kwezizwe, nisale nibantu bambalwa ezintlangeni, apho uYehova aya kuni qhubela khona;28nikhonze khona oothixo abangumsebenzi wezandla zomntu, imithi namatye, abangaboniyo, abangeviyo, abangadliyo, abangajojiyo;29eningathi nimfune khona uYehova uThixo wenu, nimfumane, xa nithe naquqela kuye ngentliziyo yenu yonke, nangomphefumlo wenu wonke.30Ekubandezelekeni kwenu, zakunifumana zonke ezi zinto, ekupheleleni kwemihla, nobuyela kuYehova uThixo wenu, niliphulaphule ilizwi lakhe.31Ngokuba nguThixo onemfesane uYehova uThixo wakho; akayi kukuyekela, akayi kukonakalisa, akayi kuwulibala umnqophiso wooyihlo awabafungelayo.32Kuba khawubuze emihleni yamandulo, eyayikho ngaphambi kwakho, kususela kumhla uThixo awadala ngawo umntu ehlabathini, uthabathele esiphelweni sezulu, ude use esiphelweni sezulu, ukuba khe kwakho na into enjengale nto ukuba nkulu, ukuba khe kwaviwa into enjengale na?33Bakha baliva na abantu izwi loThixo ethetha phakathi komlilo, njengoko walivayo wena, baphila noko?34Okanye kukho thixo wakha walinga na ukuya kuzithabathela uhlanga phakathi kohlanga ngezilingo, nangemiqondiso, nangezimanga, nangemfazwe, nangesandla esithe nkqi, nangengalo eyolukileyo, nangokoyikeka okukhulu, njengako konke akwenzileyo kuni uYehova uThixo wenu eYiputa, emehlweni akho?35Waboniswa wena, ukuze wazi ukuba uYehova nguye uThixo; akukho wumbi, nguye yedwa.36Wakuvisa izwi lakhe liphuma emazulwini, ukuba akuqeqeshe, nasemhlabeni wakubonisa umlilo wakhe omkhulu, waweva namazwi akhe phakathi komlilo.37Wabathandayo nje ooyihlo, wayinyula nembewu yabo emva kwabo, wakukhupha eYiputa ngobukho bakhe, ngamandla akhe amakhulu;38ukuba agqogqe iintlanga ezinkulu ezomeleleyo kunawe, zingabikho ebusweni bakho; ukuba akungenise, akunike ilizwe lazo libe lilifa, njengoko kunjalo namhla.39Yazi ke namhla, ukunyamekele ngentliziyo yakho, ukuba uYehova nguye uThixo emazulwini phezulu, nasehlabathini phantsi; akukho wumbi;40uyigcine imimiselo yakhe, nemithetho yakhe, endikumisela yona namhla, ukuba kulunge kuwe, nakoonyana bakho emva kwakho, ukuze uyolule imihla yakho emhlabeni, lowo akunika wona uYehova uThixo wakho imihla yonke.41Waza uMoses wahlula imizi yamithathu ngaphonoshono kweYordan ngasempumalanga, ukuba asabele khona umbulali42obulele ummelwane wakhe ngengozi, ebengamthiyile ngaphambili; asabele ke komnye waloo mizi, aphile:43iBhetsere, entlango ezweni lehewu kumaRubhen; iRamoti, kwelaseGiliyadi kumaGadi; iGolan, eBhashan kumaManase.44Nguwo lo umyalelo awawubekayo uMoses phambi koonyana bakaSirayeli.45Zizo ezi izingqino nemimiselo namasiko awawathethayo uMoses koonyana bakaSirayeli, ekuphumeni kwabo eYiputa,46ngaphonoshono kweYordan, emfuleni omalunga neBhete-pehore, ezweni lakwaSihon, ukumkani wama-Amori, obemi eHeshbhon, abambulalayo ooMoses noonyana bakaSirayeli ekuphumeni kwabo eYiputa;47balihlutha ilizwe lakhe, nelizwe likaOgi ukumkani waseBhashan, ookumkani ababini bama-Amori ababengaphonoshono kweYordan ngasempumalanga;48bathabathela eArohere, engaseludinini lomlanjana oyiArnon, bada besa entabeni yeSiyon eyiHermon,49neArabha yonke ngaphonoshono kweYordan ngasempumalanga, bada besa elwandle lwaseArabha, ngapha ntsi kwamaxandeka asePisga.