1Wawabiza uMoses amaSirayeli onke, wathi kuwo, Yivani, maSirayeli, imimiselo namasiko endiwathethayo ezindlebeni zenu namhla, ukuze niwafunde, nigcine ukuwenza.2UYehova uThixo wethu wenza umnqophiso nathi eHorebhe.3UYehova akawenzanga noobawo bethu lomnqophiso; wawenza nathi aba sikhoyo sonke siphela, siphilile namhlanje.4UYehova wathetha kuni, ekhangelene nani entabeni phakathi komlilo.5Ndema phakathi koYehova nani ngelo xesha, ukuze ndinixelele ilizwi likaYehova; ngokuba nibe nisoyika umlilo, ananyuka niye entabeni. Wathi:6NdinguYehova uThixo wakho, owakukhuphayo ezweni laseYiputa, endlwini yobukhoboka.7Uze ungabi nathixo bambi ngaphandle kwam.8Uze ungazenzeli umfanekiso oqingqiweyo, nokuba ngowayiphi na into emilise esezulwini phezulu, nesemhlabeni phantsi, nesemanzini aphantsi komhlaba.9Uze ungazinquli ezo nto, uze ungazikhonzi; kuba mna Yehova, Thixo wakho, ndinguThixo onekhwele, ndibuvelela ubugwenxa booyise koonyana nakwesesithathu nakwesesine isizukulwana sabandithiyileyo;10ndiwenzela inceba amawaka abandithandayo, abayigcinayo imithetho yam.11Uze ungafumane ulibize igama likaYehova uThixo wakho, kuba uYehova akayikumenza omsulwa, ofumana alibize igama lakhe.12Gcina umhla wesabatha, ukuba wungcwalise, njengoko wakuwisela umthetho uYehova uThixo wakho.13Wosebenza imihla emithandathu, uwenze wonke umsebenzi wakho;14ke wona umhla wesixhenxe uyisabatha kaYehova uThixo wakho. Uze ungenzi namnye umsebenzi, wena, nonyana wakho, nentombi yakho, nesicaka sakho, nesicakakazi sakho, nenkomo yakho, ne-esile lakho, neento zakho zonke ezizitho zine, nowasemzini osemasangweni akho, ukuze siphumle isicaka sakho nesicakakazi sakho, njengawe;15ukhumbule ukuba ube ulikhoboka ezweni laseYiputa, wakukhupha khona uYehova uThixo wakho ngesandla esithe nkqi, nangengalo eyolukileyo; ngenxa yoko ukuwisele umthetho uYehova uThixo wakho, ukuba uwugcine umhla wesabatha.16Beka uyihlo nonyoko, njengoko akuwisele umthetho uYehova uThixo wakho, ukuze yolulwe imihla yakho, nokuze kulunge kuwe emhlabeni akunika wona uYehova uThixo wakho.17Uze ungabulali.18Uze ungakrexezi.19Uze ungebi.20Uze ungangqini ubungqina obubuxoki ngommelwane wakho.21Uze unganqweneli umfazi wommelwane wakho; uze unganqweneli indlu yommelwane wakho, nentsimi yakhe, nesicaka sakhe, nesicakakazi sakhe, nenkomo yakhe, ne-esile lakhe, nanye into eyeyommelwane wakho.22Loo mazwi wawathetha uYehova ebandleni lenu lonke entabeni leyo, phakathi komlilo, efini asesithokothokweni, ngezwi elikhulu, akongeza; wawabhala emacwecweni amatye amabini, wawanika mna.23Kwathi, nakuliva ilizwi phakathi kobumnyama, intaba isitsha ngumlilo, nasondela kum, zonke iintloko zezizwe zakowenu, namadoda amakhulu akowenu;24nathi, Yabona, uYehova uThixo wethu usibonisile ubuqaqawuli bakhe nobukhulu bakhe, nelizwi lakhe silivile phakathi komlilo. Namhla sibonile ukuba uYehova nomntu, aphile noko.25Ngoko yini na ukuba sife? Ngokuba lo mlilomkulu uya kusidla; ukuba sithe saphinda saliva ilizwi likaYehova uThixo wethu, sofa.26Kuba ngubani na enyameni yonke, owakha waliva ilizwi likaThixo ohleliyo, ethetha phakathi komlilo, njengathi, waphila noko?27Sondela wena, uve konke okuthethwa nguYehova uThixo wethu, ukuthethe wena kuthi; konke aya kukuthetha uYehova uThixo wethu kuwe, sokuva sikwenze.28Waliva ke uYehova izwi lokuthetha kwenu ekuthetheni kwenu kum; wathi uYehova kum, Ndilivile izwi lokuthetha kwaba bantu abakuthethileyo kuwe; bakulungisile konke abakuthethileyo.29Akwaba bebenale ntliziyo yokundoyika, nokuyigcina imithetho yam yonke, imihla yonke, ukuze kulunge kubo noonyana babo ngonaphakade!30Yiya, uthi kubo, Buyelani ezintenteni zenu.31Ke wena, yima apha ngakum, ndiyithethe kuwe yonke imithetho nemimiselo namasiko, owobafundisa wona, bawenze ezweni elo ndibanika lona, ukuba balime.32Nize nizigcine ukuba nenze njengoko uYehova uThixo wenu waniwisela umthetho, ningatyekeli ekunene nasekhohlo.33Hambani ngeendlela zonke awaniwisela umthetho ngazo uYehova uThixo wenu, ukuze niphile; kulunge kuni, niyolule imihla ezweni eloniya kulima.