1Emveni kwezo zinto, lafika ilizwe likaYehova kuAbram ngombono, lisithi, Musa ukoyika, Abram; ndiyingweletshetshe yakho, umvuzo wakho omkhulu kunene.2Wathi uAbram, Nkosi yam, Yehova, wondinika ntoni na? Ndihamba ndingenamntwana; indlamafa yendlu yam ngulo Eliyezere waseDamasko.3Wathi uAbram, Yabona, akundinikanga mbewu; yabona, umntu ongowendlu yam uya kuba yindlamafa yam.4Nalo ilizwi likaYehova lifika kuye, lisithi, Akayi kuba yindlamafa yakho lo; ngoya kuphuma ezibilini zakhe, yena oya kuba yindlamafa yakho.5Wamsa phandle, wathi, Khawubheke phezulu ezulwini, uzibale iinkwenkwezi, ukuba unokuzibala; wathi kuye, Iya kuba njalo ke imbewu yakho.6Wakholwa kuYehova; oko wakubalela ebulungiseni kuye.7Wathi kuye, NdinguYehova owakukhuphayo eUre yamaKaledi, ukuba ndikunike eli lizwe, ulidle ilifa.8Wathi yena, Nkosi Yehova, ndiya kwazi ngantoni na, ukuba ndiya kulidla ilifa?9Wathi kuye, Ndithabathele ithokazi eliminyaka mithathu, nemazi yebhokhwe eminyaka mithathu, nenkunzi yemvu eminyaka mithathu, nehobe, negobo levukuthu.10Wamthabathela ke zonke ezo zinto, wazicanda kubini, wazibeka izahlulo, esinye sakhangelana nesinye; ke zona iintaka akazicanda.11Ehla amaxhalanga phezu kwezidumbu, wawaphekuza uAbram.12Kwathi, xa litshonayo ilanga, efikelwe uAbram bubuthongo obukhulu, wabo na efikelwa kukothuka nabubumnyama obukhulu.13Wathi kuAbram, Yazi ke, ukuba imbewu yakho iya kuba ngumphambukeli ezweni elingelayo, ibakhonze abo, bayicinezele, iminyaka emakhulu mane.14Kananjalo uhlanga eya kulukhonza ndiya kulugweba; emveni koko iya kuphuma ineempahla ezininzi.15Ke wena uya kuya kooyihlo unoxolo; ungcwatywe uyingwevu enkulu.16Kwesesine isizukulwana iya kubuyela apha, kuba ubugwenxa bama-Amori abukazaliseki.17Kwathi, lakuba litshonile ilanga, kwakuba sithokothoko, wabona kukho; iziko eliqhumayo, elinelangatye elidangazelayo, elacanda phakathi kwezo zahlulo.18Ngaloo mini ke uYehova wenza umnqophiso noAbram, wathi, Imbewu yakho ndiyinike eli lizwe, lithabathele emlanjeni waseYiputa, lise emlanjeni omkhulu, emlanjeni ongumEfrati:19amaKeni, namaKinazi, namaKadimon,20namaHeti, namaPerizi, namaRafa,21nama-Amori, namaKanan, namaGirigashi, namaYebhusi.