1Ke kaloku uSarayi umka-Abram ubengamzaleli mntwana. Waye enomkhonzazana ongumYiputazana, ogama belinguHagare.2Wathi uSarayi kuAbram, Yabona, uYehova undivingcile ukuba ndingazali; khawungene kumkhonzazana wam lo, mhlawumbi ndingakheka ngaye. Waliphulaphula uAbram izwi likaSarayi.3Wathi uSarayi, umka-Abram, wamthabatha uHagare umYiputazana, umkhonzazana wakhe, emveni kokuba uAbram wayehleli iminyaka elishumi ezweni lakwaKanan, wamnika uAbram indoda yakhe ukuba abe ngumkakhe.4Wamngena ke uHagare, wamitha; akubona ukuba umithi, inkosikazi yakhe yacukucezeka emehlweni akhe.5Wathi uSarayi kuAbram, Ukoniwa kwam makube phezu kwakho; umkhonzazana wam ndimnike mna esifubeni sakho; uthe akubona ukuba umithi, ndacukucezeka emehlweni akhe; uYehova makagwebe phakathi kwam nawe.6Wathi uAbram kuSarayi, Yabona, umkhonzazana wakho asesandleni sakho; yenza kuye okulungileyo emehlweni akho. USarayi wamcinezela, wabaleka wemka ebusweni bakhe.7Ke kaloku isithunywa sikaYehova samfumana ngasemthonjeni wamanzi entlango, ngasemthonjeni osendleleni eya eShure.8Sathi, Hagare, mkhonzazana kaSarayi, uvela phi na, usiya phi na? Wathi, Ndibaleke ndemka ebusweni bukaSarayi, inkosikazi yam.9Sathi isithunywa sikaYehova kuye, Buyela kwinkosikazi yakho, uzithobe phantsi kwesandla sayo.10Sathi isithunywa sikaYehova kuye, Ndiya kuyandisa kakhulu imbewu yakho, ingabalwa ngenxa yobuninzi.11Sathi isithunywa sikaYehova kuye, Yabona umithi; uya kuzala unyana, umthiye igama elinguIshmayeli, ngokuba uYehova uzivile iintsizi zakho.12Yena uya kuba ngumntu onjenge-esile lasendle ukundweba; isandla sakhe siya kuchasana nabantu bonke, isandla sabantu bonke sichasane naye; ahlale ebusweni babazalwana bakhe bonke.13Walibiza igama likaYehova, obethetha naye, wathi, UnguThixo ozibonakalisayo. Ngokuba wathi, Ndisabona na nalapha, emveni kokuba ndimbonile?14Ngenxa yoko walithiya elo qula igama lokuthi liQula likaPhila-ebonile; nalo phakathi kweKadeshe neBherede.15UHagare wamzalela uAbram unyana; uAbram ukumthiya igama unyana wakhe, lowo abemzalele yena uHagare, wathi nguIshmayeli.16UAbram ubeminyaka imashumi asibhozo anamithandathu ezelwe, oko uHagare wamzalelayo uAbram uIshmayeli.