Xhosa

Genesis

17

1Kwathi, uAbram akuba minyaka imashumi asithoba anesithoba ezelwe, uYehova wabonakala kuAbram, wathi kuye, NdinguThixo uSomandla; hamba phambi kwam ube ngogqibeleleyo.2Ndiya kuwubeka umnqophiso wam phakathi kwam nawe, ndikwandise kakhulu kunene.3Wawa uAbram ngobuso bakhe.4UThixo wathetha naye, esithi, Mna, yabona, umnqophiso wam unawe; uya kuba nguyise wengxokolo yeentlanga.5Kananjalo akusayi kuthiwa igama lakho nguAbram; igama lakho liya kuba nguAbraham, ngokuba ndikwenze uyise wengxokolo yeentlanga;6ndiya kukuqha misa kakhulu kunene, ndikwenze iintlanga, kuphume ookumkani kuwe;7ndiwumise umnqophiso wam phakathi kwam nawe, naphakathi kwembewu yakho emva kwakho kwizizukulwana zayo, ube ngumnqophiso ongunaphakade, wokuba ndibe nguThixo kuwe, nakwimbewu yakho emva kwakho;8ndilinike wena nembewu yakho emva kwakho ilizwe lokuphambukela kwakho, lonke ilizwe eli lakwaKanan, ukuba libe yinto yenu ngonaphakade, ndibe nguThixo wabo.9Wathi uThixo kuAbraham, Wena ke, umnqophiso wam wowugcina, nembewu yakho emva kwakho kwizizukulwana zabo.10Nguwo lo umnqophiso wam eniya kuwugcina phakathi kwam nani, nembewu yakho emva kwakho: wokuba yonke into eyindoda kuni yaluswe; naluswe inyama yokwaluswa;11oko kube ngumqondiso womnqophiso ophakathi kwam nani.12Unyana omihla isibhozo makaluswe kuni, yonke into eyindoda kwizizukulwana zenu, ezelwe endlwini, nezuzwe ngemali kubani wolunye uhlanga, ongengowembewu yakho yena.13Makaluswe ozelwe endlwini yakho, nozuzwe ngemali yakho; umnqophiso wam enyameni yenu uya kuba ngumnqophiso ongunaphakade.14Into eyindoda engalukileyo, enyama yokwaluswa ingaluswanga, loo mphefumlo mawunqanyulwe, ungabikho ebantwini bakowawo; uwaphule umnqophiso wam.15Wathi uThixo kuAbraham, USarayi umkakho akuyi kumbiza ngegama lokuba nguSarayi; igama lakhe loba nguSara.16Ndiya kumsikelela; kananjalo ndikunike unyana ngaye, ndimsikelele, abe ziintlanga, kuphume ookumkani bezizwe kuye.17UAbraham wawa ngobuso bakhe, wahleka, wathi entliziyweni yakhe, Azi umntu ominyaka ilikhulu wozalelwa na? Azi uSara, intokazi eminyaka imashumi asithoba, angazala na?18Wathi uAbraham kuThixo, Wanga uIshmayeli angadla ubomi phambi kwakho!19Wathi uThixo, Ewe, uSara umkakho uya kukuzalela unyana, umbize ngegama lokuba nguIsake; ndiwumise umnqophiso wam naye, ube ngumnqophiso ongunaphakade kwimbewu yakhe emva kwakhe.20Ngokusingisele kuIshmayeli ndikuvile; uyabona, ndimsikelele, ndimqhamisile, ndimandisile kakhulu kunene. Uya kuzala izikhulu ezilishumi elinazibini, ndimenze uhlanga olukhulu.21Umnqophiso wam wona ndowumisa noIsake, oya kumzalelwa nguSara ngeli xesha nyakenye.22Wagqiba ukuthetha naye. Wenyuka uThixo esuka kuAbraham.23UAbraham wamthabatha uIshmayeli unyana wakhe, nabo bonke abazalelwe endlwini yakhe, nabo bonke abazuzwe ngemali yakhe, yonke into eyindoda phakathi kwabantu bendlu ka-Abraham, wayalusa inyama yokwaluswa kwangaloo mini, njengoko abethethile uThixo kuye.24UAbraham ebeminyaka imashumi asithoba anesithoba ezelwe, ukwaluswa kwenyama yokwaluswa.25UIshmayeli, unyana wakhe, ebeminyaka ilishumi elinamithathu ezelwe, ukwaluswa kwenyama yokwaluswa.26Kwangaloo mini waluswa uAbraham, noIshmayeli unyana wakhe.27Nawo onke amadoda endlu yakhe, azalelwe endlwini yakhe, nazuzwe ngemali kubani wolunye uhlanga, aluswa kunye naye.