1Danduluka uphimisele, ungathinteleki; phakamisa izwi lakho njengesigodlo, ubaxelele abantu bam ukreqo lwabo, uyixelele indlu kaYakobi izono zayo.2Ke bayandingxoka imini ngemini, bakunanzile ukuzazi iindlela zam. Njengohlanga olwenze ubulungisa alwalishiya isiko loThixo walo, bacela kum imigwebo yobulungisa, bakunanzile ukusondela kuThixo.3Bathi, Yini na ukuba sizile ukudla, ungaboni? siwuthobe umphefumlo wethu, ungazi? Yabonani, ngomhla wokuzila kwenu nifumana enikunanzileyo, nibakhandanise abasebenzi benu bonke ababulalekayo.4Yabonani, nizilela ukubambana, niphikisane, nibethane ngenqindi lokungendawo; namhla anizileli ukuze nivakalise ilizwi lenu phezulu.5Into enjalo ingaba kukuzila endikunyulileyo na? Ingaba ngumhla wokuba umntu awuthobe umphefumlo wakhe na? Ukuthokombisa intloko yakhe njengomzi andlale ezirhwexayo nothuthu, oko ukubiza ngokuthi kukuzila na? Ngumhla okholekileyo na kuYehova?6Ukuzila endikunyulileyo asikoku na: ukucombulula iziqamangelo zokungendawo, ukukhulula izitropu zeedyokhwe, ukundulula abavikivekileyo bekhululekile, naphule zonke iidyokhwe?7Asikoku na: ukumqhekezela esonkeni sakho olambileyo, ubangenise endlwini abaziintsizana, abatshutshiswayo? xa uthe wabona ohamba ze, umambese, ungazifihli kwinyama yakho?8Kuya kwandula ke ukukhanya kwakho kuthi qhiphu njengokusa, kuhlume kamsinya ukupholiswa kwakho, buhambe phambi kwakho ubulungisa bakho, buqoshelise emva kwakho ubuqaqawuli bukaYehova.9Uya kwandula ubize, asabele uYehova; uzibike, athi, Ndikho! Ukuba uthe wakususa phakathi kwakho ukufaka idyokhwe, nokwalatha ngomnwe, nokuthetha ubudenge;10wamvukelisa olambileyo ngento oyidlayo, wawuhluthisa umphefumlo wocinezelweyo: kophumela ke ukukhanya kwakho emnyameni, nesithokothoko sakho sibe njengemini enkulu.11Uya kuhlala ekwalathisa uYehova, awuhluthise umphefumlo wakho ekubaleleni kwelanga, omeleze amathambo akho, ube njengomyezo onyakanyiswa yimvula, nanjengendawo ephuma amanzi, emanzi angatshiyo.12Baya kwakha amanxuwa angunaphakade abakowenu, uvuse iziseko zezizukulwana ngezizukulwana; bathi ukukubiza nguMvingci wamathuba, nguMbuyisi womendo wokuhlala.13Ukuba uthe walubuyisa unyawo lwakho kwisabatha, ukuba ungenzi okunanzileyo ngomhla wam ongcwele; wathi ukuyibiza isabatha isisonwabiso, ingcwele kaYehova; wathi inozuko, wayizukisa ke ngokungenzi iindlela zakho, ngokungafumani okunanzileyo, uthethe iintetho ezingeni:14uya kwandula ukuziyolisa ngoYehova, ndikukhwelise emimangweni yomhlaba, ndikudlise ilifa likaYakobi uyihlo; kuba umlomo kaYehova uthethile.