Xhosa

Isaiah

59

1Yabonani, isandla sikaYehova asisifutshane, ukuba singasindisi; nendlebe yakhe ayinzima, ukuba ingevi.2Bubugwenxa benu obunahlukanisileyo noThixo wenu, zizono zenu ezibusithelisileyo ubuso bakhe kuni, ukuba angevi.3Kuba izandla zenu zidyobhekile ligazi, neminwe yenu bubugwenxa; nomlomo wenu uthetha ubuxoki, ulwimi lwenu ludumzela ubugqwetha.4Akukho uvakalisa ilizwi elinobulungisa, akukho umangalelana nomnye enyanisile; bakholose ngochuku, bathethe inkohlakalo; bakhawula ububi, bazale ubutshinga.5Baqandusela amaqanda erhamba, baluka izindlu zesigcawu. Lowo udla amaqanda abo uya kufa; elinyathelweyo liqandulelwa inyushu.6Imisonto yabo ayiyi kuba yingubo, nemisebenzi yabo ayiyi kubagubungela. Izenzo zabo zizenzo zobutshinga; ukusebenza ngogonyamelo kusezandleni zabo.7Iinyawo zabo zigidimela ebubini, zikhawuleze ukuya kuphalaza igazi elimsulwa; iingcinga zabo ziingcinga zobutshinga; emendweni wabo kukubhuqa nokwaphula.8Abayazi indlela yoxolo, okusesikweni akukho emikhondweni yabo; bazijikajikile iindlela zabo; bonke abanyathela kuzo abalwazi uxolo.9Ngenxa yoko kukude kuthi okusesikweni, nobulungisa abufikeleli kuthi. Sithembe ukukhanya, nanku ke kumnyama; sithembe ukuba kube mhlophe, sihamba esithokothokweni.10Siya phuthaphutha njengeemfama eludongeni; siyaphuthaphutha njengabangenamehlo; sikhubeka emini enkulu ngathi kungongcwalazi; phakathi kwabaxhamla ubomi, ngathi thina singabafileyo.11Siyavungama njengebhere sonke siphela; sidumzela sidumzele njengamavukuthu; sithemba okusesikweni, kungabikho; sithemba usindiso, lube kude kuthi.12Kuba zininzi izikreqo zethu phambi kwakho, nezono zethu ziyangqina ngathi; kuba izikreqo zethu zinathi, nobugwenxa bethu siyabazi:13ukukreqa kuYehova, nokumkhanyela, nokubuya umva kuThixo wethu, ukuthetha okucudisayo, okutyekisayo, ukukhawula nokuphimisela ngentliziyo amazwi obuxoki.14Okusesikweni kubuyiswe umva, nobulungisa bumi kude; ngokuba inyaniso ikhubekile endaweni yembutho, akunakungena okuthe gca.15Yesuka yasweleka inyaniso, nocezayo ebubini wazibhunyulisa. Wabona ke uYehova, kwakubi emehlweni akhe, ukuba kungekho okusesikweni.16Wabona ukuba akukho mntu, wamangaliswa ukuba kungekho mthandazeli; yaza yamsindisela ingalo yakhe, nobulungisa bakhe bona bamxhasa.17Wanxiba ubulungisa ngokwengubo yentsimbi, wanxiba isigcina-ntloko sosindiso entloko; ukwambatha wambatha iingubo zempindezelo, wazithi wambu ngekhwele, kwanga kungengubo yokwaleka.18Ngokwempatho yabo leyo uya kubuyekeza ngokoko, ubushushu kubabandezeli bakhe, kwaimpatho yabo kwabaziintshaba zakhe; kwiziqithi uya kubuyekeza kwaimpatho yazo.19Baya kuloyika igama likaYehova entshonalanga, baboyike ubuqaqawuli bakhe empumalanga; kuba uya kuza njengomlambo oxineneyo, obalekiswa ngumoya kaYehova;20eze engumkhululi weZiyon, wababuyayo elukreqweni kwaYakobi; utsho uYehova.21Mna ke nguwo lo umnqophiso wam nabo, utsho uYehova; uMoya wam ophezu kwakho, nelizwi lam endilibeke emlonyeni wakho, aliyi kusuka emlonyeni wakho, nasemlonyeni wembewu yakho, nasemlonyeni wembewu yembewu yakho, utsho uYehova, kuthabathele kweli xesha kude kuse ephakadeni.