Xhosa

Jeremiah

12

1Ulilungisa, Yehova, xa ndibambeneyo nawe; ndothetha iindawo ezisesikweni zodwa. Kungathuba lini na ukuba indlela yabangendawo ibe nempumelelo, babe nokuchulumacha bonke abanginiza benginizile?2Ubatyele, bendela nokwendela iingcambu; bayakhula, benze neziqhamo. Usondele emlonyeni wabo, wakude ezintsweni zabo.3Wena, Yehova, uyandazi; uyandibona, uyicikida intliziyo yam enawe. Baqweqwedise njengeegusha, baxhelwe, ubangcwalisele umhla wokubulawa.4Kunini na ilizwe linesijwili, umfuno wamasimi onke womile? Ngenxa yeento ezimbi zabemi balo, ziphephethekile iinkomo neentaka; ngokuba besithi, Akayi kulibona ikamva lethu.5Xa ugidime nabeenyawo, bakudinisa, wothini na ukushiyiselana namahashe? Xa ukholose ngelizwe elinoxolo, wothini na ekweneni kweYordan?6Ngokuba nabazalwana bakho, nendlu kayihlo, banginizile kuwe nabo; bayamemeza emva kwakho nabo ngezwikazi elikhulu. Musa ukukholwa ngabo, xa bathetha izinto ezilungileyo kuwe.7Ndiyishiyile indlu yam, ndililahlile ilifa lam, ndiyinikele intanda yomphefumlo wam esandleni seentshaba zayo.8Ilifa lam lisuke laba njengengonyama yasehlathini kum, lindikhuphele ilizwi lalo; ngenxa yoko ndilithiyile.9Ilifa lam lukhozi oluthe chokochoko na kum, ukuba iinkozi zilingungele nje? Yizani, nihlanganise onke amarhamncwa asendle; waziseni adle.10Abalusi abaninzi basonakalisile isidiliya sam, basingqushile isiziba sam somhlaba; basibharhisile isiziba sam esinqwenelekayo, sayintlango.11Basibharhisile; sisijwili ngeenxa zonke kum; sibharhile, kusenkangala kulo lonke ilizwe, ngokuba akubangakho mntu ukubekela intliziyo oko.12Eluqayini lonke lwasentlango kufike ababhuqi; ngokuba ikrele likaYehova liyadla, lithabathela ekupheleni kwelizwe, lise ekupheleni kwelizwe; akukho luxolo kwinyama yonke.13Bahlwayela ingqolowa, bavuna ameva; bazidubile, abafeza lutho. Danani ke lungeniselo lwenu, ngenxa yobushushu bomsindo kaYehova.14Utsho uYehova ngabamelwane bam bonke abanobubi, abachukumisa ilifa endalidlisa abantu bam amaSirayeli, ukuthi, Yabonani, ndiyabanyothula emhlabeni wabo, ndiyinyothule indlu yakwaYuda phakathi kwabo.15Kuya kuthi, emveni kokuba ndibanyothule, ndibuye ndibe nemfesane kubo, ndibabuyisele elowo elifeni lakhe, elowo emhlabeni wakhe.16Kothi, ukuba bathe bazifunda ngenkuthalo iindlela zabantu bam; ukuba bafunge igama lam, bathi, Ehleli nje uYehova, njengoko babafundisayo abantu bam ukufunga uBhahali; baze bakheke phakathi kwabantu bam.17Ke ukuba bathe abeva, ndolunyothula olu hlanga, ndilunyothule, ndilutshabalalise; utsho uYehova.