Xhosa

Jeremiah

13

1Utsho uYehova kum ukuthi, Hamba uye uzithengele umbhinqo welinen, uwubeke esinqeni sakho, ke uze ungawufaki emanzini.2Ndawuthenga ke umbhinqo ngokwelizwi likaYehova, ndawubeka esinqeni sam.3Kwafika ilizwi likaYehova kum okwesibini, lisithi,4Wuthabathe umbhinqo owuthengileyo, osesinqeni sakho, usuke uye emEfrati, uwufihle khona emfanteni yengxondorha.5Ndaya, ndawufihla emEfrati, njengoko wandiwisela umthetho ngako uYehova.6Kwathi, ekupheleni kwemihla emininzi, wathi uYehova kum, Suka uye emEfrati, uwuthabathe khona umbhinqo endakuwisela umthetho ngawo, ukuba uwufihle khona.7Ndaya ke emEfrati, ndemba, ndawuthabatha umbhinqo kuloo ndawo bendiwufihle kuyo, nango wonakele umbhinqo, ungasenamsebenzi.8Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,9Utsho uYehova ukuthi, Ndiya kwenjenje ukulonakalisa ikratshi lakwaYuda, ikratshi elikhulu laseYerusalem.10Aba bantu banobubi, bangavumiyo ukuva amazwi am, bahambayo ngobungqola bentliziyo yabo, balandela thixo bambi, ukuze babakhonze, baqubude kubo: baya kuba njengaloo mbhinqo ungasenamsebenzi.11Ngokuba njengokuba umbhinqo unamathela esinqeni sendoda, ndenjenjalo ukuyinamathelisa kum yonke indlu kaSirayeli, nendlu yonke kaYuda, utsho uYehova; ukuze kum ibe ngabantu, ibe ligama, ibe yindumiso, ibe sisihombo; ke abevanga.12Uze uthethe kubo eli lizwi: Utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yonke imiphanda iyazaliswa ngewayini. Baya kuthi kuwe, Asazi nokwazi na, ukuba yonke imiphanda iyazaliswa ngewayini?13Wothi ke kubo, Utsho uYehova ukuthi, Yabona, ndibazalisa ngokunxila bonke abemi beli lizwe, kwaookumkani abahlalele uDavide etroneni yakhe, nababingeleli, nabaprofeti, nabemi bonke baseYerusalem;14ndibahlekezele elowo kuwabo, ooyise noonyana kunye, utsho uYehova. Andiyi kuba nalufefe, andiyi kuba nanceba, andiyi kuba namfesane, ukuba ndingabonakalisi.15Yivani, nibeke indlebe; musani ukuzidla, ngokuba uYehova uyathetha.16Mzukiseni uYehova uThixo wenu, engekahlisi ubumnyama, zingekabetheki ezintabeni zocolothi iinyawo zenu; nithembe ukukhanya, ke yena ukwenza ithunzi lokufa, akwenze isithokothoko.17Ukuba anithanga nikuve oko, wolila umphefumlo wam entsithelweni ngenxa yoqhankqalazo lwenu; lityityizele lityityizela, lihle iinyembezi, iliso lam; ngokuba umhlambi kaYehova uthinjiwe.18Yithi kukumkani nakwinkosikazi, Zithobeni, hlalani phantsi; ngokuba siyehla ezintlokweni zenu isithsaba sokuhomba kwenu.19Imizi yelisezantsi ivaliwe, akukho ungayivulayo; uYuda ufudusiwe ephela; ufudusiwe kanye.20Phakamisani amehlo enu, nibone abavela entla. Uphi na umhlambi obuwunikiwe, impahla yakho emfutshane entle?21Wothini na, xa athe abo ke ubaqhelise ukuba ngamakholwane akho, wabenza bangabaveleli, bayintloko kuwe? Ayiyi kukubamba na inimba, njengomfazi ozalayo?22Naxa uthe entliziyweni yakho, Kungani na ukuba ndifikelwe zezi zinto? ngobuninzi bobugwenxa bakho utyhilekile ingubo, zagonyamelwa izithende zakho.23UmKushi unokuluguqula na ulusu lwakhe, nengwe inokuwaguqula na amabala ayo? ningaba ke ninako ukulungisa nani, baqhele ukwenza okubi.24Ndiya kubaphangalalisa ke, njengomququ ophephuka nomoya wentlango.25Liqashiso lakho elo, isabelo sakho esilinganiselweyo ndim, utsho uYehova; ngokuba undilibele, wakholosa ngobuxoki.26Nam ndiya kuyibhenqa ingubo yakho, ibe phezu kobuso bakho, kubonakale ukucukucezeka kwakho.27Ukukrexeza kwakho nokukhonya kwakho amanyala okuhenyuza kwakho ezindulini ezindle, ndiwabonile amazothe akho. Athi ke wena, Yerusalem! Akuyi kuhlambuluka, ingafanelana. ingumzuzu ongakanani na.