Xhosa

Job

10

1Umphefumlo wam udimele bubomi bam; Ngoko ndiya kuyivulela inkalazo yam phakathi kwam; Ndithethe, ukrakra umphefumlo wam;2Ndithi kuThixo, Musa ukundigweba; Ndazise ukuba ubambene nam ngani na?3Kulungile na kuwe ukuba ucudise, Ukuba ucekise ukuxelenga kwezandla zakho, Ulibengezelele iqhinga labangendawo?4Unamehlo enyama na? Ubona ngokubona komntu na?5Injengemihla yomntu na imihla yakho, Iminyaka yakho injengemihla yomfo na:6Ukuba nje ubufune ubugwenxa bam, Usingxoke isono sam,7Usazi nje ukuba andingongendawo, Nokuba akukho unokuhlangula esandleni sakho?8Izandla zakho zindiyilile, zandenza Ndonke, ngeenxa zonke; uyandiginya noko.9Khawukhumbule, ukuba undenze ngokodongwe; Ke undibuyisa undise eluthulini!10Akundithululanga na njengamasi, Wandivuthisa njengengqaka?11Wandambesa ngolusu nenyama, Wandiphingela ngamathambo nemisipha.12Undenzele ubomi nenceba, Nokuvelela kwakho kwawugcina umoya wam.13Ezi zinto ke wazigusha entliziyweni yakho; Ndiyazi ukuba ubunale ndawo yokuthi:14Ukuba ndithe ndona, wondibamba undilinde, Ungandenzi msulwa ebugwenxeni bam.15Ukuba ndithe ndabangongendawo, athi ke mna! Ukuba ndithe ndaba lilungisa, ndingayiphakamisi intloko yam: Ndihluthi kukucukucezwa, Nakukubona iintsizi zam.16Nokuba ithe yaziphakamisa intloko yam, wondizingela njengengonyama, Ubuye wenze ngokubalulekileyo kum;17Uhlaziye amangqina akho phambi kwam; Uyandise ingqumbo yakho kum, Ibe kukukhululana kwemikhosi eza kum.18Ibiyini na ke ukuba undikhuphe esizalweni? Ngendaphuma umphefumlo, andabonwa liso,19Ndanga andibangakho, Ngendasuswa esizalweni, ndasiwa engcwabeni.20Ayimbalwa na imihla yam? Makayeke, Adede kum, ndikhe ndincumeze kancinane,21Phambi kokuba ndihambe, ndingabi sabuya, Ndiye ezweni lobumnyama nelethunzi lokufa,22Ezweni elisongelwe bubumnyama njengesithokothoko, Lethunzi lokufa nelesidubedube, Elinkazimlo injengesithokothoko.