Xhosa

Job

11

1Wasusela uTsofare waseNahama, wathi,2Le nto ininzi yamazwi ayikuphendulwa na, Indoda elipholopholo igwetyelwe na?3Ukuphololoza kwakho kuya kubetha athi tu na amadoda, Ukuba ugculele, kungabikho ukuhlazayo?4Uthi, Iqaqambile imfundiso yam, Ndinyulu emehlweni akho.5Kodwa akaba uThixo ubethetha, Avule umlomo wakhe kuwe;6Akuxelele iimfihlakalo zobulumko, Ukuba buphindeke kabini, bayinto ezimasekileyo; Ubuya kwazi ke ukuba uThixo wenze ukuba ubulibale ubugwenxa bakho.7Unokufikelela na ezingontsingontsini zikaThixo? Unokufikelela na ekufezekeni kukaSomandla?8Kuphakame ngokwamazulu; unokwenza ntoni na? Kunzulu kunelabafileyo; unokwazi ntoni na?9Kukude kunehlabathi ukulinganiswa kwako, Kubanzi kunolwandle.10Ukuba uthe phe yena, wavingcela, Wamemela ematyaleni, ngubani na onokumnqanda?11Kuba yena uyabazi abantu abakhohlakeleyo, Uyabubona ubutshinga engaqondelanga.12Nomntu onjengesidenge angaba nokuqonda, Nethole le-esile lasendle lingaba nokuzalwa lingumntu.13Ukuba uthe wena wabhekisa intliziyo yakho kuye, Wazolulela izandla zakho kuye:14Ukuba kuthe kwakho inkohlakalo esandleni sakho, yise kude, Ungabuhlalisi ubugqwetha ezintenteni zakho;15Okunene, uya kwandula ukubuphakamisa ubuso bakho bungenasisihla, Uthi bhuxe, ungoyiki.16Kuba wokulibala ukwaphuka kwakho, Ukukhumbule njengamanzi adluleyo;17Ukudla kwakho ubomi kuvuke, kuqaqambe ngaphezu kwemini enkulu; Nakuba kusongelwe emnyameni, kokhanya njengokusa.18Wokholosa, ngokuba sekukho ithemba, Uhlole, ulale phantsi enkolosekweni;19Ubuthume, kungekho wothusayo, Bakuncekelele abaninzi.20Ke wona amehlo abangendawo ophelelwa; Idake kubo indawo yokusabela, Ithemba labo libe kukuphuma umphefumlo.