1Wasusela uElihu, wathi,2Yivani, nina zilumko, ukuthetha kwam; Nina zazi, ndibekeleni indlebe.3Ngokuba indlebe iyakucikida ukuthetha, Ikhuhlangubo liyakuva ukudla.4Masizinyulele okusesikweni, Sikwazi phakathi kwethu okulungileyo.5Ngokuba uthe uYobhi, Ndililungisa, UThixo ulisusile ibango lam.6Kuthiwa ndiyaxoka, noko likhoyo ibango lam; Liyabulala inxeba lam lotolo, noko ndingenalukreqo.7Uphi na umfo onjengoYobhi, Yena ukuselayo ukugcula njengamanzi?8Athelele kubenzi bobutshinga, Ahambe namadoda angendawo?9Kuba esithi, Akancedeki umfo Ngokukholana noThixo.10Ngako oko, nina madoda okuqonda, phulaphulani kum; Makube lee kuThixo ukuba ngongendawo; KuSomandla, ukuba abe nobugqwetha,11Ke ukwenza komntu ukubuyekeza kuye, Amfumanise umfo ngokwehambo yakhe.12Hayi bo! UThixo akenzi ngokungendawo, USomandla akakugwenxi okusesikweni.13Ngubani na omphathise ihlabathi? Ngubani na omise elimiweyo lonke?14Ukuba ubebhekise kuye ngokwakhe yedwa, Wawuhlanganisela kuye umoya wakhe, nokuphefumla kwakhe,15Ibiya kuphuma umphefumlo inyama yonke kunye, Umntu abuyele eluthulini.16Wanga ungakuqonda, ungakuva oku, Ulibekele indlebe izwi lokuthetha kwam!17Kanene, othiye okusesikweni ubengaphatha ngobukhosi, yini na? Khona uSobulungisa womgweba na?18Kungathiwa na kukumkani, Tshijolondini? Nakumanene, Zintondini zingendawo?19Kangakanani na ke kongabanoneleliyo abathetheli, Onganoneleli zinongonongo ngaphezu kwabasweleyo? Kuba bangumsebenzi wezandla zakhe bona bonke.20Bafa ngephanyazo, phakathi kobusuku; Bayahexiswa abantu, badlule, Zisuswe iimbalasane kungengasandla.21Kuba amehlo akhe aphezu kweendlela zomntu, Uyawabona onke amabanga akhe.22Akukho bumnyama, akukho thunzi lakufa, Ukuba basithele kulo abenzi bobutshinga.23Ngokuba akazekeleli ukumngqinga umntu, Ukuze eze ematyaleni noThixo.24Uyabashwaqa abaziinyathi engagocagocanga, Amise ke abanye esikhundleni sabo.25Ngako oko uyazazi izenzo zabo, Ababhukuqe ebusuku, batyumke.26Uyabamonxoza ngokwabangendawo Endaweni yababoneli.27Ekungenxa yokuze kubekho oko, le nto batyekayo ekumlandeleni, Abaziqiqa zonke iindlela zakhe;28Ukuze bakufikise kuye ukukhala kosweleyo, Akuve ukukhala kweentsizana.29Akuzolisa, ngubani na oya kuxhalisa? Akusithelisa ubuso, ngubani na ongambonayo? Esenjenjalo, nokuba kungenxa yohlanga, nokuba kungenxa yomntu emnye,30Ukuze angabi ngukumkani umntu oyintshembenxa, Angabi zizirhintyelo zabantu.31Ngokuba ubani angatsho na kuThixo ukuthi, Ndiziphakamisile, andisayi kuba sona;32Endingakuboniyo, ndiyale ngako; Ukuba ndithe ndenza ngobugqwetha, andiyi kuphinda?33Uya kuphindezela ngokwakho na yena, ngokuba usolile wena? Ukuba unyule wena, kunganyuli mna. Into oyaziyo yithethe.34Aya kuthi kum amadoda aziingqondi, Nomfo osisilumko ondiphulaphulayo,35UYobhi uthetha engenakwazi, Namazwi akhe akanangqiqo.36Tarhuni, makacikidwe uTobhi kuse ekupheleni, Ngenxa yokuphendula kwakhe ngokwamadoda anobutshinga.37Kuba elongeza ukreqo kwisono sakhe; Utyhwakraza izandla phakathi kwethu, Awenze maninzi amazwi akhe ngoThixo.