Xhosa

Job

35

1Wasusela uElihu, wathi,2Uba oku kusesikweni na, Ukuthi, ubulungisa bakho bungaphezu kobukaThixo;3Ukuba uthi nje, Bundinceda ntoni na, Bundinyusa ngantoni na phezu kokundinyusa kwesono sam?4Ndiya kukuphendula mna ngokuthetha, Nabahlobo bakho abanawe.5Bheka ezulwini ubone; Ukhangele isibhakabhaka, siphezulu kuwe.6Ukuba uthi wone, usebenza ntoni na ngakuye? Khona zakuba zininzi izikreqo zakho, umenze ntoni na?7Ukuba uthe walungisa wena, umpha ntoni na ngaloo nto? Wamkela ntoni na yena esandleni sakho?8Kuyinto kwindoda enjengawe ukungabi ndawo kwakho; Buyinto kuwe, nyana womntu, ubulungisa bakho.9Ngenxa yobuninzi bokucudisa, bayakhala abantu; Bayazibika ngenxa yengalo yabakhulu.10Ke abatsho ukuthi, Uphi na uThixo uMenzi wam, Osinika ingoma ebusuku,11Osifundisa ngaphezu kweenkomo zehlabathi, Asiphe ubulumko ngaphezu kweentaka zezulu?12Bandula bakhale, angaphenduli, Ngenxa yekratshi labanobubi.13Hayi, yona into ekhohlakeleyo akayiva uThixo, USomandla akayikhathalele.14Noko utshoyo ukuthi akumkhathalele, Ityala liphambi kwakhe, lindela kuye ke!15Ke ngoko xa ungekaveleli umsindo wakhe, Akazani na kunene nesikhukhumali?16Ke uYobhi ufumana awuvule umlomo wakhe, Akwandise ukuthetha engenakwazi.